INKAMPANI yonxibelelwano kweli, uVodacom inamashumi amathathu eentsuku zokuba iqoshelise iingxoxo zentlawulo ngakuNkosana Makate owayesakuba ngumsebenzi wale nkampani.
Oku kulandela isigwebo senkundla yomgaqosiseko egwebe ngelithi, le nkampani ityala uMakate ngokuvelisa indlela yonxibelelwano ethi, “Please Call Me.”
UMakate wasa uVodacom ezinkundleni ngo2008 emva kokuba le nkampani ihle nomcinga kwisithembiso sokumvuza ngokuvelisa le ndlela yonxibelelwano.
UCall-back osedume kakhulu kule mihla wasungulwa nguVodacom ngo2001, emva koko wasetyenziswa nazezinye iinkampani zonxibelelwano ezifana noMTN kwakunye noCell-C. Le ndlela yenza ukuba umntu ongenamoya wokufowuna athumele umyalezo wokuba afowunelwe ngulowo afuna ukuqhakamshelana naye.
UMakate uthi, wavela nale ndlela ka “Please Call Me” ngethuba inkosikazi yakhe uRebecca awayencuma naye esengumfundi wayesoloko edinga umoya wokuqhakamshelana naye ngethuba eseyunivesithi. Sekubhalwa nemiyalezo emifutshane kuCallback, kwaye iinkampani ezininzi zifaka intengiso kulo myalezo.
Iingxelo zithi, ukuza kuthi ga ngoku, uVodacom wenze ingeniso ebalelwa kwi 70 bhiliyoni yeerandi sukela oko bathi basungula le ndlela yonxibelelwano. UMakate uye ezinkundleni efuna intlawulo eyi15 yeepesente. Iqikelelwa kwishumi leebhiliyoni elinesiqingatha imali azakuyizuza okaMakate emva kwesigwebo senkundla yomgaqo siseko ngolwesibini, nto leyo ithetha ukuba uzakuba sesingawothiyo umlilo isinhanha.
Kwidabi ebelifaniswa nemfazwe kaDavide noGoliyathi, uMakate uthe, “Ndonwabe kakhulu emva kweshumi elinesithandathu leminyaka, yokusungulwa kukaCallback, elithoba kuyo sisezinkundleni.”
Ijaji ebisothula isigwebo kule nkundla, uChris Jafta uyalele uVodacom ukuba ahlale phantsi noMakate bavumelane ngentlawulo efanelekileyo kwixesha elingamashumi amathathu eentsuku.
UJafta uthe, “Iingxoxo maziqhutywe ngendlela yokufumana isisombululo.” Ugxeke uVodacom ngelithi, “* -Callback seyindlela edumileyo yonxibelelwano nenengeniso ephezulu kwingxowamali kaVodacom, yenza uncumo olungapheliyo kwinkampani, ngelixa ingafuni ukuncumisa oyena mntu uze nale ndlela.”
Ukuba akukho mvisiswano, iNgqonyela yakwaVodacom uShameel Yoosup kufanele ingenelele, inike elona xabiso lentlawulo lifanelekileyo.
Le nkundla igxeke owayesakuba yiNgqonyela yakwaVodacom, uAllan Knott-Craig “ngobuxoki” bokubanga * “Please call me” njengendlela yonxibelelwano eyaveliswa nguye.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro