Ulishiyile eli uMzoli ‘Boss’ Madyaka

Lulama Mphilisi Mpahla

Amagqirha aseMpuma Koloni athi kuphantsi kwezicwangciso zawo ukuba ahlawulise abantu ababanyangileyo ngekhadi loncedo-nyango iMedical Aid.

Oku kuvele ngethuba amagqirha abephuma mbombo zone zeMpuma Koloni ebehlangene e-Orient Theatre eMonti kwindibano ethathe iintsuku ezimbini, nephethulwe ngoLwesibini, apho bekuqatshelwa usuku lwamachiza esiNtu aseAfrika (African Traditional Medicine Day) olubanjwa rhoqo ngomhla wamashumi amathathu ananye kweyeThupha.

Olu suku lugunyaziswe ngumbutho wezempilo kwihlabathi jikelele iWorld Health Organisation.

ULulama Mpahla, ongusihlalo weBhunga lamaGqirha eMpuma Koloni, uthi bazakukwazi ukwenza ibango kwiinkampani zeeMedical Aid kuba uMphathiswa wezempilo kuzwelonke uGqirha Aaron Motsoaledi uligunyazisile igosa leli sebe elizakubhalisa amagqirha.

“Ukubhaliswa kwethu kuza kuthetha ukuba siyaziwa futhi sinazo neenombolo zokusebenza (ukunyanga) ngoko ke siza kufana noogqirha besilungu kuba ugqirha wesilungu, ukuze enze ibango kwiMedical Aid, kufuneka abenenombolo yokusebenza,” utshilo uMpahla.

UMpahla ukwathe bayayinyevulela into yokusetyenziswa kwegama lamagqirha ngabantu ababulala ze basebenzise amalungu abantu. “Asisebenzi njalo thina, futhi xa kukho umntu othi uligqirha kodwa abe esebenzisa amalungu oluntu, siyakhabana thina nalo nto,” kutsho uMpahla. UMpahla uthi bayayivuyela into yokuhoywa kwesikhalazo sabo sokuba amagqirha makabhaliswe aziwe umntu ukuba usebenzela phi, enyanga hlobo luni. “Nathi singamagqirha sifuna ukwazi ukukhupha iphepha ukuze umntu ozokufuna unyango kuthi akwazi ukubanobungqina kumqeshi wakhe,” utshilo uMpahla.

Amanye amagqirha athe azimasa le ndibano athi ibelulutho kuwo. Igqirha elizibize njengoSokolwa uthi uvune lukhulu kule ndibano.

“Zininzi izinto esizifundileyo kule ndibano, izinto ezingamkelekanga nezo zamkelekileyo. Mna ndiphila ngonyanga abantu ngoko ke iye indikhathaze into yokuva ukuba kukho abantu abasebenzisa amalungu emizimba yabanye abantu ukuze banyange. Andiqondi ukuba ngamagqirha abo bantu,” utshilo uSokolwa.

Yena uNosiviwe Magumasholo uthi uchulumance kakhulu ziintetho ebezithethwa kule ndibano. “Isikhuthaze kakhulu. Singabantu besiNtu sijongelwa phantsi, ngoko ke iyasivuyisa into yokudityaniswa ngurhulumente kwindibano enje,” utshilo uMagumasholo.

UMphathiswa wezempilo eMpuma Koloni uGqirha Pumza Dyantyi uthi isebe linentsebenziswano entle namagqirha.

“Uninzi lwabantu bethu, ababalelwa kwi-80%, baqala kumagqirha phambi kokuba baye kumaziko ezempilo anamayeza aseNtshona. Lo nto ke isixelela ukuba abantu bawaxabisile amagqirha kwimiba yonyango,” utshilo uDyantyi.“Sifuna ukusebenzisana namagqirha ukuthintela izifo okanye izigulo phaya ezilalini,” utshilo uDyantyi.