Ulishiyile eli uNkosi Vela Balfour-Noyi

UNkosi Vela Balfour-Noyi

Apha kwiphepha lethu sikhe sabhala ngencwadi entsha kaBalfour-Noyi waseTutura.

Sibhala nje ngale ncwadi yakhe bese kulithuba sinonxibelelwano naye.

Ebengumntu omane etyelela iofisi yethu kweli laseMonti qho xa ezokubona ugqirha wakhe kweli cala.

Impilo ibingekho ntle tu. Kodwa wayezixelele ukuba uyakubhubha esilwela idabi lamaKwayi; ubuKumkani bukaKumkani uGando ebebufuna apha.

Ilifa likaTshawe bekumele ukuba lawela ezandleni zamaKwayi.

Ebesele eqale nezicwangciso zokusa olu dabi kwiinkundla zamatyala ekwabhalele nomongameli weli uCyril Ramaphosa ngelithi mayinikwe ingqwalasela le nto yokuba amaKwayi ngabona baphathi besizwe samaXhosa.

Siye sava kabuhlungu kakhulu xa sifumana umnxeba kule veki iphelileyo, ngoLwesine, ethi ubhubhe ngoLwesithathu.

UBalfour-Noyi ubekwa kwikhaya lakhe lokugqibela ngoMgqibelo, umhla we12 kuCanzibe, eTutura.

Lala ngoxolo Togu, umsebenzi wesizwe samaKwayi uwushiya ungawugqibanga kodwa.