Nanjengoko inyanga kaNovemba igalelekile, abaququzeleli beBerlin November baziziquququ belinguliselela usuku lomdyarho wamahashe, nobanjwa minyaka le kweli phondo leMpuma Koloni.
Ekupheleni kwenyanga kaOktobha, iPassenger Rail Agency of South Africa, iPRASA ngamafutshane, yazise ngesivumelwano sentsebenziswano neBerlin November. Obu budlelwane buza emva kokuqwalasela ukuba uluntu oluninzi lusokola ukufikelela kulo mdyarho, nakwenengxinano ethi ibekhona endleleni ngosuku lalo mdyarho.
Lo mdyarho noza kubanjwa ngomhla wamashumi amathathu kule nyanga (30 Novemba), eBerlin, uza kuba nololiwe okhethekileyo ngokwesivumelwano sePRASA nabaququzeleli beBerlin November, oza kuhambisa uluntu ukuya konwabela lo mdyarho, uphinde ubabuyisele apho bebekhwele khona.
Ukunciphisa ingxinano ezindleleni kwanokukhuthaza ukhuseleko kwabo baza kuba yinxalenye yalo mdyarho, iMetrorail eMpuma Koloni iza kunikezela ngeenkonzo zayo, ukusuka eMonti ukuya kwisitishi iNtabozuko (Berlin) ngo-10:15 kusasa, ze ibuye ebusuku ngo-23:00.
Kuza kubakho nebhasi eza kuthi ibekhona ukusuka kwisitishi saseBerlini, ukuya kwindawo leyo yomdyaro. Ukanti iindawo zokupaka nokukhwela iimoto ezikhuselekileyo, zakube zikhona kwezi zitishi zilandelayo:
• East London – 10:00am
• Fort Jackson – 11:00am
Ezinye izitishi ezongezelelweyo zokukhwelisa uluntu:
• Vincent – 10:28am
• Mdantsane – 10:53am
Ukuhamba ngololiwe ukuya kwiBerlin November kuza kuba simahla kwabo banamatikiti alo mdyarho ngolu suku. Ukanti ke kwabo bakube bekulo loliwe bangalindela ukonwatyiswa yimvumi yegospile ephumelele amawonga, uBetusile Mcinga.
Ngokwengxelo yomsunguli walo msitho uLuthando Bara, le ntsebenziswano yeBerlin November nePRASA linyathelo elibalulekileyo kumdyarho wamahashe.
“Ngokunikezela ngenkonzo kaloliwe ekhethekileyo ngolu suku, asiphuculi kuphela amava abo beza kulo msitho, kodwa sikwagxininisa ukuzinikela kwethu kukhuseleko ezindleni kunye nokufikeleleka. Eli phulo liza kunciphisa ingxinano yezithuthi, liphinde liqinisekise ukhuseleko nolonwabo oluninzi kuye wonke ubani,” utshilo uBara
Ukwathe bachulumancile beyiBerlin November nePRASA kukunikezela ngale nkonzo yokuhamba, neyenza kube lula kwabo baya kuba yinxalenye yalo mdyarho, ukuze bonwabele impelaveki.
“Eli lixesha lochulumanco kule ngingqi, nanjengoko ingumsitho wokuqala ngqa, apho siza kubonisa ngendima ebalulekileyo nesiyidlalayo njengesithuthi esinomthamo omkhulu,” utshilo uTerra Nongqongqo, onguManejala oBambeleyo kwaMetrorail eMpuma Koloni.
Kucetyiswa abo baza kuba yinxalenye yalo mdyarho ukuba bafike esitishini sikaloliwe kwimizuzu engamshumi amathathu phambi kokuba uloliwe unduluke, ukuze bazifumanele indawo kwangexesha.
Amatikiti alo mdyarho wamahashe ayafumaneka eTicketpro, kwaSpar, nakwiPayzone, kwaye axabisa iR220.
iEFF imenywe kwimibhiyozo yeMK Party