Ulonwabo ludlala abantwana eBhayi

IXESHA leziyunguma zokuphela konyaka eBhayi luqala kule mpelaveki sijolise kuyo, kwaye ngokokubonakala kwezinto kuza kudlal’ ulonwabo de ibeyiNyibidyala kwelaseMambozana.

Ulonwabo eBhayi luqala ngokusesikweni ngoLwesihlanu, umhla weshumi elinesihlanu, apho kuza kube konwatyelwe umdyarho wamahashe eFairview Racecourse.

NgoMgqibelo, iziphathi-mandla zikamasipala zizakube zivula ngokusesikweni ixesha leziyunguma kumsitho ozakubanjelwa kulwandle iHobie Beach.

Ngomhla wamashumi amabini anesibini, kuza kube kudityenwe eHappy Valley apho kumboniso bhanya-bhanya nokukhanyiswa kwamakhandlela okuphawula ixesha lenyanga yezipho nobumungumenye.

Ngomhla wamashumi amabini anesithathu, kuza kube kudityenwe eWillow Dam kumsitho iUitenhage Picnic, ze ngomhla wamashumi amabini anesithandathu kubanjwe umdlalo weqakamba phakathi koMzantsi Afrika neZimbabwe e-St Georges Cricket Stadium.

Ngomhla wamashumi amathathu, iyeza kwakhona i-Ebubeleni Music Festival eNelson Mandela Bay Stadium. Kwakhona, eHobie Beach naseWells Estate, kuza kube konwatyiwe kulindwe umhla weNyibidyala (New Year’s Eve Celebrations).

sithandiwe.velaphi@inl.co.za