Ulonyulo 2024: Ayatshona amalanga Mzantsi

Iziganeko zale mpelaveki zibonakalisa ngamandla ukuba ulonyulo lwalo nyaka luza kuza nenguqu ekudala ifunwa ngabantu belizwe loMzantsi Afrika. Iinkokeli ezifana noJulius Malema we-EFF kudala zisithi unyaka ka2024 ngunyaka wokubuyisela isidima sabantu boMzantsi Afrika.

Umbutho we-EFF uvakalise isicwangciso sawo sezithembiso eMoses Mabhida kubantu belizwe loMzantsi Afrika xa unokufumana ithuba lokulawula. Uthi lo mbutho wenze oku kwiphondo laseKZN kuba inani labalandeli babo kweli phondo likhula mihla le.

Into enika umdla apha kukuba abantu abatsha bebezimase lo msitho, nto leyo ebonisa ukuba i-EFF izifumanele iivoti nenkxaso yabantu abatsha.

Uninzi labo bebezimase lo mcimbi ngabantu abaqalayo okanye abazakuqala ukuvota ngaphandle kwamathandabuzo. Iphiko labafundi le-EFF, iEFF Student Command, iphethe kweli kuninzi lweeYunivesithi zoMzantsi Afrika, kwaye lo nto luphawu lokuba bayaviwa lulutsha.

Kunika umdla ukubona imibutho efana neATM izimase lo mcimbi we-EFF, oku kubonisa ukuba ngenene liyaqina iqulo lemibutho ephikisayo.

Inkokeli ye-EFF uJulius Malema ingena kwibala lemidlalo iMoses Mabhida eKZN kumqulu wezithembiso we-EFF obubanjelwe apha kwimpelaveki ephelileyo. UMFANEKISO: EFF/X

Inkokheli yeATM ithe kwinginginya, kudala abantu abamnyama besahlulwa ngabo bazintshaba zemanyano yabantu abamnyama.

Umbutho wePAC nawo ugalele ebhayi ubonakalisa inkxaso yawo kwiEFF ngokuthumela unobhala jikelele wayo uApa Pooe. Khumbula ukuba uninzi lwezithembiso eziqulethwe kumqulu wezithembiso we-EFF uhambelana ncakasa nezo zombutho wePAC.

Kwelinye icala, iPAC ibivakalisa esidlangalaleni ukuba izakusebenzisana nombutho iBlack First Land First ka-Andile Mngxitama kwakunye neMK Party kaJacob Zuma.

Onke lamaqela azama ukudibana apha ngoophuma silwe abangxamele ukubona inguqu engacengiyo malunga nomcimbi womhlaba. Bakwathetha into enye malunga nomba wokunika ithuba abantu abamnyama ukuba bathathe inxaxheba kwimeko yemali.

Owayesakuba ngumongameli woMzantsi Afrika uJacob Zuma ekhankasela iivoti zeMK Party kwirenki yeeteksi yaseMlazi eKZN. UMFANEKISO: X

Le mibutho iphinda ingqinelane kwelokuba kufuneka kugadwe iANC ingebi iivoti zeminye imibutho. Oku kuthetha ukuba ngenene ayancipha amathuba okuba ingaphumelela iANC kunyulo oluzayo.

Ukunganyamezelani kwezopolitiko sele kubonakala kumaphondo afana nephondo laseKZN apho babulawayo abachasene neminye imibutho. Kukwanika umdla ukubona amaqela amatsha wemibutho engokhala bolonyulo kweli.

Le mibutho yokhala ifunga imunca iintupha isithi izakuqinisekisa ukuba unyulo luqhuba ngendlela eyiyo. Xa ukhangela iinjongo zabo zinye, kukuqinisekisa ukuba iyaphuma iANC elulawulweni.

Wona amathuba wemfazwe yobukhaya asinakuwakhanyela ukuba akhona, kuba iANC imile nayo isithi ayiyi ndawo. Kumasipala waseMzumbe kwiveki ephelileyo, amalungu eANC avotele ukukhupha usodolophu weANC kulo masipala. Ezi ziimpawu ezibonisa ukuba ngokwenene ayatshona amalanga.