Umdlali weMamelodi Sundowns uThembinkosi Lorch uphumelele indebe yakhe yokuqala yeligi kwaye ubhiyozele ngesitayile. Nangona kunjalo, imibhiyozo yakhe yendebe yeDStv Premiership itsale ingxwabangxwaba kuba ushicilele ividiyo kwikhasi lakhe likaInstagram edanisa ethekweni namabhinqa amabini, kucaca ukuba uphantsi kweempembelelo zotywala.
NgoMvulo, umhla wama27 kuCanzibe ka2024, le vidiyo yavela yavusa ingxoxo eshushu abaninzi begxeka ukuziphatha kwakhe kule vidiyo.
Kudliwanondlebe noAndile Ncube kwisikhululo sikanomathotholo iMetro FM, umqeqeshi oyintloko weMamelodi Sundowns, uRulani Mokwena uchaze iimvakalelo zikaLorch.
Bukela le vidiyo
Ethetha ngale vidiyo, uMokwena uxelele iMetro FM, “Unditsalele umnxeba elila. Kwaye oko kwandophula ngokuqinisekileyo.
“Kuba ndisondelelene nabadlali bam, xa abadlali bam belila kwaye beneemvakalelo, nam ndiba neemvakalelo kwaye ndilile. Ndiyayiva intlungu yabo. Yindlela endisondelelene ngayo nabo,” utshilo.
“Njengaye wonke umntu, uLorch ungumntu. Njengam, owenza iimpazamo, ongafezekanga. Mhlawumbi andifezekanga ngakumbi kunaye kwaye mhlawumbi ndenza iimpazamo ezininzi kunaye.
“Kukwafuneka siqonde indima esinayo eluntwini, eyethu kukukhuthaza nokufundisa nokusebenzela. Sinendima enkulu kunento abantu abayicingayo,” uvale ngelo.
ULorch akaqali ukuba sematheni, kunyaka ophelileyo wafunyanwa enetyala lokubetha isithandwa sakhe sangaphambili waze wagwetywa isigwebo esixhonyiweyo wahlawuliswa iR100 000.
Ekuqaleni kwalo nyaka, umdlali kamabonakude uNatasha Thahane nongumama womntwana wakhe, wabhengeza esidlangalaleni ukuba bohlukene. UThahane ukwabhale nezinto eziphakamisa amashiya kumakhasi onxibelelwano malunga nesizathu sokwahlukana kwabo.
UKamala Harris uthi izakuphela imfazwe eGaza xa enguMongameli