Uloyiko emva kokugqabhuka kwerhasi kwamasipala

Abasebenzi bomasipala iAmathole bengxange ngaphandle eChiselhurst eMonti emva kokugqabhuka kwerhasi ngaphakathi UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

ABASEBENZI bomasipala iAmathole bayokisela ubomi babo emva kokugqabhuka kwerhasi kwiiofisi zalo masipala kundlunkulu eChiselhurst eMonti ngoLwesibini kule veki, nto leyo ethe yabangela ukuba bakhutshwe emsebenzini abasebenzi.

Ngethuba I’solezwe lesiXhosa belityelele iiofisi zalo masipala izolo (ngoLwesithathu), abasebenzi bebesangxange ngaphandle besithi abafuni kungena de kuqinisekiswe ukhuseleko lwabo.

“Ukhuseleko lwethu luza kuqala kuthi. Irhasi sisayiva ukuba iyanuka, ngoko ke asizukungena nokuba oomanejala basiyalela ukuba masingene,” utshilo umsebenzi walo masipala, esingenakumchaza ngegama.

Ngokwengxelo kamasipala, le rhasi igqabhuke kwibhetri ekwigumbi elithi lisetyenziswe xa kumke umbane. “Emva kokugqabhuka kwayo, le bhetri iye yakhupha umsi othe wabangela ukuba isixhobo sokucupha umlilo sikhale ngenxa yomsi wale bhetri,” utshilo uNoni Madikizela, obambele njengegosa eliphezulu lezonxibelelwano kumasipala.

UMadikizela uthi ukhuseleko lwabasebenzi baluthathele ingqalelo, esithi icandelo labo lezemililo libiziwe ukuza kuhlola imeko. Bekungekacaci ukuba abasebenzi bakubuyela nini kumagumbi kamasipala.