Uloyisile idabi lomhlaza webele

EKHALENDENI binguLwesihlanu we10 kweyoMnga. Uxelelwe ukuba makatye phambi kwentsimbi yesithandathu ekuseni, ze emva koko angasi kwanto phantsi kwempumlo. Waze wayalelwa ukuba aye esibhedlele ayokusayina amaxwebhu anika imvume.

Malunga nentsimbi yesithoba kusasa, uLulama Mantanga besele esesibhedlele, elele ewodini elindele ukuya kwigumbi lotyando ngentsimbi yokuqala emini. Malunga nentsimbi yesine besele utyando lugqityiwe, evukile kodwa esaziva enobuthongo obenziwa yinaliti.

Ngethuba ephaphama besele ephulukene namabele akhe omabini, kwaye umhlaza uphelile emzimbeni wakhe.

NgeCawa, kwiintsuku ezimbini emva kotyando obe luyimpumelelo, uMantanga uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba uziva ekhululekile, kwaye onwabile kuba umhlaza engasenawo.

“Ndisaqaqanjelwa kodwa oko kuncedwa ziipilisi nokuphumla,” kutsho eli krotikazi.

Kwinyanga yeDwarha, ebekelwe bucala njengeNyanga yokuFundisa ngoMhlaza weBele, I’solezwe lancokola noMantanga ebephuma engena esibhedlele, ezama ukulwa nedabi lomhlaza leminyaka emihlanu.

Waxelela eli phephandaba ukuba wayethukile, eziva esohlwaywa, ecinga kuphelile ngaye ngethuba esiva ukuba unomhlaza.

“Ndandikhala ndingayeki kwaye ndisola uThixo ngokundinika esi sifo,” uMantanga wabalisela I’solezwe.

Uthi uthe asakubona ukuba umhlaza ubuyile, waqonda kakuhle ukuba akasafuni kuba namabele.

“Ibingesosigqibo silula, suku nosuku kum bisisikhumbuzo sendlela esele ndiyihambile ngenxa yamabele angafaniyo, elinye lincinci kunelinye. Ibiyinto enzima ukuyijonga iminyaka emihlanu,” kubalisa uMantanga.

“Okungcono kokokuba andisayi kunyanzeleka ndinxibe okanye ndithenge ibhodi kwakhona. Andizithandi iibhodi,” ubalisa ehleka.

Wongeze ngelithi akasayi kwenza imamogram kwakhona, kodwa uza kwenza uvavanyo kwiindawo bezinamabele kube kanye okanye kabini ngonyaka.

Ngethuba ebezilungiselela utyando, uMantanga uthi ugqirha beza mtyanda umxelele ngokuza kwenzeka xa etyandwa nasemva kotyando

UMantanga uthi ubuze kugqirha ukuba angawenza nini amabele afakelwayo. Uthi uxelelwe ukuba angalinda iinyanga ezintandathu emva kotyando.

Ebuzwa ukuba ingaba uziva njani njengenina eliselula elingenamabele.

“Amabele awachazi ukuba ngubani uLulama, afana nje namanye amalungu omzimba. Kwaye andizokuzikhathaza ngokuba ndiza kubancancisa njani abantwana nanjengoko oko ndandisele ndakwenza,” kutsho lo mama wamakhwenkwana amabini.

Uthi uziva onwabile ede wawasusa amabele akhe.

“Ewe, ndinemiqela, kodwa okundenza ndikhululeke kukuyazi ukuba umhlaza umkile emzimbeni wam,” kutsho uMantanga.

UMantanga ejinga iidreyni ezicoca inxeba ekhayeni lakhe emva kokukhululwa esibhedlele

Uthi ukususa amabele kufanele ibe yinto ubani azikhethela yona nanjengoko amanye amakhosikazi eziva ephelele xa enamabele.

UMantanga uxelele amanina akwidabi lomhlaza webele ngelithi “amabele awakuchazi ukuba ungubani, ukuba xa uwasusile kuza kusinda ubomi bakho yenza njalo, ufakele amatsha. UThixo ukunike onke amalungu amahle emzimbeni wakho, wathande kodwa uwasuse akunika ingxaki. Zithande, kwaye uthathe izigqibo ezingcono ngobomi bakho. Ubomi bufutshane kunokuhlala namabele angakusebenzeliyo ngenxa yokuba uluntu lukubukula xa ungenawo,” ligqibezele latsho eli krotikazi.

UMantanga kulindeleke abuyele emsebenzini kwisithuba seenyanga ezimbini.