ULubisi ngumsasazi omtsha weendaba kumabonakude!

kholosa lubisi

UKHOLOSA Lubisi ukholelwa ekubeni ngethuba esokola ukungena kumabonakude njengomsasazi yayingekuba impendulo yayingu ‘Hayi’ kodwa yayingu ‘Hayi okwangoku’.

ULubisi ngumsasazi omtsha weendaba ezijoliswe ebantwaneni [ Kids News ] kwiSABC1, kwaye ubalisele I’solezwe ngeenzame nemigudu ayenzileyo ukuze afezekise umnqweno wakhe wokusasaza.

“Bekubakho amathuba apho bendiye ndize eSABC ndifike ndihlale kwigumbi lokwamkela iindwendwe, ndizibone nam ndingena ndiphuma njengabasebenzi apha,” utshilo.

Akube ephumelele ibakala likaGrade 12 eZwelakhe High kwidolophu yakhe yokuzalwa iMt Frere, uLubisi wasingisa eRosebank College eRhawutini ngeliyokufundela izifundo zokusasaza.

“Akukhonto bendizifuna kuyo ngaphandle kokusasaza iinkqubo zolonwabo, kodwa apho ndafika ndafundela ubuntatheli kodwa ngelishwa andagqiba, kungona ndizama ukugqibezela ngoku.”

Eli gqiyazana, 22, likholelwa ekubeni lalingekafiki elona xesha lihlelelwe lona ukuze lifezekise amaphupha okusasaza.

“ Azange ndithathwe ngo2016 emva kokuqhuba de ndifike kwiTop 5 yeeAudition, ndandibuhlungu kwaye ndizixelele ukuba ndoyisakele.

ULubisi ubalisa athi emva kweenyanga ezintathu waphinda wafumana umnxeba osuka kweli ziko losasazo.

“Babefuna umntu oza kwenza imoyezulu, nalapho ndabonakalisa umdla kodwa andayifumana naloo ndawo kuba bengazange baqhubekeke nayo. Yho! Ndalila kweli tyeli, yayingathi iindlela zam zivaliwe.”

Uthi phambi kokuvulwa kwenyoba kwakhona ekuqaleni kwalo nyaka kuye kwathi cwaka ithuba elide.

“Bandibiza kwakhona ngenyanga yoMqungu ukuze ndithabathe inxaxheba kwinkqubo yokukhangelwa komsasazi kwakhona. Emva kokulinda iiveki ezimbini ndithandaza, ndaye ndawufumana umnxeba othi ndithathiwe, ndiyaqala ngomhla wokuqala kuTshazimpuzi, kuza kufuneka ndize kutyikitya isivumelwano.”

Nakweli tyeli, uLubisi uthi kwafuneka aphinde alinde kuba kulindwe umntu okwakufuneka etyikitye amaxwebhu athile.

Le ntwazana ikholelwa ukuba imithandazo kamama wayo nokukholelwa ukuba umsebenzi ngowayo, kuko okuyenze ibe kanti iyaqeshwa ngenyanga kaCanzibe.

Ukhumbula imini yokutyikitya isivumelwano sakhe sengqesho ngelithi, “ndandiphethwe sisisu, ndigodola noxa kwakubanda nje.”

Ucebisa abo basenomdla wokungena kweli khondo ngelithi ze bathi gqolo ukuzazi ukuba bangoobani kwaye bafuna ntoni, esithi xa ubani ezazi kulula ukwenza izigqibo ezichanekileyo.