ULuckeez woMhlobo: ‘Ndisecicini lokufa’

Nozuko Matyolweni

UMSASAZI woMhlobo Wenene FM uThembinkosi Matyolweni, owaziwa ngelikaLuckeez Mfowethu kwinkqubo uSijik’ilanga, utyhola unkosikazi wakhe ngokumphekela iyelenqe lokumbulala emva kweengxabano kumtshato wabo.

ULuckeez uthi iingxaki kwakunye nenkosikazi yakhe uNozuko Silanja-Matyolweni ziqale xa ebecela ukuba baqhawule umtshato, kulandela iminyaka esibhozo betshatile.

Izolo (ngoLwesibini) uLuckeez ebekwinkundla kamantyi waseBhayi ukuya kumamela isicelo sakhe sokhuseleko lwenkundla, athi uqale ukusifaka kweyoMqungu.

“Isizathu sokuba ndiye enkundleni kukuba ndifuna ukhuseleko lwenkundla (protection order), endandiyicele enkundleni emva kokuba unkosikazi wam enze udushe kwindlu yethu eBhayi. Isicelo solu khuseleko ndandisifake kweyoMqungu.

Unkosikazi wam wandibambisa emapoliseni, esithi ndimbethile. Ndaya enkundleni, kodwa ndakhutshwa ngesilumkiso,” utshilo uLuckeez.

ULuckeez uthi ingxabano nenkosikazi yakhe iqale xa wayecela uqhawulo lomtshato kweyoMnga nyakenye.

“Akavumi le nto yokuba siqhawule umtshato. Into ayenzayo kukwenza ooFacebook bomgunyathi, abhalele abantu abakufutshane kum esithi ndamhlaba, ndamkrwitsha, emva kokuba ezame ukuzibulala.”

Lo msasazi uthi okwenzeke emva koku ibelunxunguphalo emphefumlweni wakhe. “Usisi wam [uZanele Matyolweni] ohlala kwaN.U.17 eMdantsane wahlaselwa wayokubhubhela esibhedlele. Into ebuhlungu ngokubhubha kukasisi wam, kukuba nam ndinayo into ethi ndiyakhangelwa, ndifuna ukubulawa. Noxa nje sele nditshintshe indawo yokuhlala eBhayi ndithe gqolo ukufumana imiyalezo ethi iyandazi apho ndihlala khona,” kutsho uLuckeez.

ULuckeez, obebuyela enkundleni kule veki efuna esi sikhuselo senkundla, uthi akayazi ukuba kutheni abomthetho bethathe ixesha elingaka ukuqwalasela ingxaki yakhe.

“Ndinayo into ethi ukuba ibiyinkosikazi le ikule meko ndikuyo ngekudala ihoyekile.

“Ubomi bam buphihliphihli kuba indlu ebendihlala kuyo eBhayi uyivuthuzile, kwanaleyo yasekhaya eMdantsane wenze into enye,” kutsho uLuckeez.

ULuckeez ukwatyhola unkosikazi ngokumthengela umntu ambulale. “Nantoni na ingenzeka kubomi bam. Ndisecicini lokufa, ndingadutyulwa nanini. Ndinobungqina bokuba ukhona umntu obethengiwe ukuze andibulale.”

ULuckeez uthi kwankqu neqabane lakhe elitsha lifumana imiyalezo egrogrisayo kwinombolo engaziwayo. I’solezwe liwubonile omnye kule miyalezo ubhalwe ngolu hlobo: “Jonga nana yekana noLucky ukuba awufuni kufa. Sukuziqhathisa ngendoda enomfazi. Uyakubhanxa akakuthandi. Wena zifunele umntu phambi kokuba ubone imifanekiso yakho eze kuFacebook. Uzokufa ndiyakulumkisa. Yeka ubuhenyukazi okanye uzocholwa ufile, ungaziwa.”

ULuckeez uthi le nto yenzeka xa kanye kukhalinyelwa amadoda ngokubarhabaxa koomama. “Ndinguyelo ndiyindoda ejongene nale nto, kunzima kum ukwenza ilizwi. Ndiyayazi ukuba kukho abantu abandijonge njengomntu orhabaxa noxa bengathethi nje.”

Ngethuba etsalelwa umnxeba liphephandaba I’solezwe, uNozuko uthe: “Ufuna ntoni kum? Uyonqena ukuthetha nalo mntu (Luckeez) unebali? Xelela loo mfana (Luckeez) ukunike ibali ukuba akukho nto ndiza kuyithetha ngaye.”

ULuckeez uthi akonelisekanga yindlela osingathwe ngayo umbandela wakhe kuquka nophando ngokubhubha kukasisi wakhe. Uthi ngethuba ezama ukuqonda umba wokubhubha kukasisi wakhe, waxelelwa ukuba makabhale imbalelwano ekhalazayo.

“Kutheni le nto umsebenzi uza kwenziwa xa umntu ekhalazile?” kubuza uLuckeez.