Lo msasazi ubhale kuFacebook wakhe ngentseni yangoMvulo esithi “Ndivuka imoto yam iqatywe ngelindle lomntu kwicango lomqhubi”.
Ethetha nephephandaba I’solezwe lesiXhosa uLuckeez uthe: “Ndivuke iqatywe ikaka imoto yam, iyila nto ndiyifake kuFacebook.”
Ngethuba sibhala eli nqaku bekungekacaci nokuba lo msasazi sele ekubikile oku kwabezomthetho.
Ngamatyeli aliqela uLuckeez efumana izigrogriso kubomi bakhe.
Kwinyanga yoMqungu kulo nyaka, I’solezwe lesiXhosa labika ngalo msasazi esithi kwafika “abafana abathathu apha endlini besithi bakhangela indawo ethengisa iipilisi, ndabaxelela ukuba mabahambe kwam akuthengiswa pilisi”.
Emva koko uLuckeez uthi kwafika omnye umfana “ezigqume ngesilamba (hood), esithi uzokucela ukutya, samxelela ukuba asinakutya”.
Emnxebeni uLuckeez waxelela I’solezwe lesiXhosa ukuba ufumana izigrogriso zokumbulala.
Ekuqaleni kuka2018, lo msasazi ebephuma engena kwiinkundla zamatyala ezama ukuqhawula umtshato wakhe weminyaka esibhozo nenkosikazi yakhe uNozuko.
Luthatha lubeka usapho obeluthenjiswe ngoncedo kumngcwabo womzali ogetyengiweyo!