Uluhlu lwamagama amaxhoba engozi

Izithuthi zaboncedo ngethuba kuncedwa abo babandakanyeke kwingozi yebhasi kuCentane

Abhengeziwe amagama amaxhoba engozi yebhasi yaseQolweni eNxaxhu kuCentane kwaye ubuninzi bababhubhileyo ngamakhosikazi.

Omdala kwabo babhubhileyo lixhego elineminyaka engamashumi asibhozo enesibhozo (88) logama omncinane ingumntwana oneminyaka emithathu.

Nanjengoko uluhlu lubonakalisa, amaxhoba ebesingise kwinkamnkam kuCentane naseGcuwa. Emva kwenkamnkam, bebeza kuthenga ukutya kwezindlu zabo baphinde babethe imali yemibutho kubangcwabi.

Kukhe kwakho into yokuba inani linyuke layokutsho kumashumi amabini anesithoba kwabo babhubhileyo, kodwa I’solezwe lesiXhosa belingekakuqinisekisi oku ngethuba sipapasha eli nqaku.

USamson Canca obhujelwe ngumalume wakhe uNkosiyedwa Ntshebe uthi imeko isembi kakhulu kwilali yaseChebe, apho la maxhoba ebesuka khona. “Abantu boyika kwaukukhwela le nto iyimoto,” utshilo uCanca, esithi sele ikhutshiwe inkosikazi yakhe uNombeko, neyophuke umlenze emva kwale ngozi.

Nalu uluhlu lwamaxhoba:

1. Sihlali Kili, indoda ena-59

2. Andrew Mpendulo Ntsomboyi, indoda ena-61

3. Nobandla Eunice Papa, inkosikazi ena-60

4. Nozukile Mzayifani, inkosikazi ena-50

5. No-End Ntombekhaya Matroshe, inkosikazi ena-56

6. Mandisa Millicent Ndzotyana, inkosikazi ena-74

7. Timoti Mpongolo, indoda ena-68

8. Thandeka Soga, inkosikazi ena-55

9. Buyiswa Mba, inkosikazi ena-55

10. Asavela Mba, inkosikazi ena-23

11. Alfred Ntetha, indoda ena-84

12. Nomzi Susela, inkosikazi ena-61

13. Nomsa Mabengu, inkosikazi ena-53

14. Bongeka Cakatha, inkosikazi ena-60

15. Lashawuta Gana, indoda ena-88

16. Nosimele Soresi, inkosikazi ena-44

17. Thembisa Mtshayisi, inkosikazi ena-77

18. Nomelikhaya Magusheni, inkosikazi ena-47

19. Nolisia Mkunqwana, inkosikazi ena-69

20. Michael Mandita, indoda ena-63

21. Nkosiyedwa Ntshebe, indoda ena-84

22. Gcobani Hlanganise, indoda ena-36

23. Novanish Dumezweni, inkosikazi ena-62

24. Novusile Komani, inkosikazi engachazwanga minyaka

25. Umntwana ongachazwanga oneminyaka emithathu.