Uluhlu lwamagama wamangcwaba achaphazeleke kuqhushumbiso

KWINCWADI egcinwe ngononophelo, kukho uluhlu lwamagama abantu abangcwatywe kwisiza esiseMaCwerheni kuTsolo, kuNtabankulu, nesiqhushunjiselwa ukufumana ilitye lexabiso lokwenza indlela.

Abalelwa kumashumi amabini anesibini amangcwaba athe achaphazeleka kwesi siza. I’solezwe lesiXhosa lityelele kule lali, lazibonela amangcwaba ekufuphi neengqimba zelitye elicoliweyo. Abahlali bathi amanye amangcwaba onakele ngethuba lolu qhushumbiso.

Amanye wala mangcwaba ayabonakala, futhi akwisiza apho kombiwa khona eli litye. Akukho mda wenziweyo phakathi kwamangcwaba nendawo yokusebenzela othe wabonwa liqela lephephandaba I’solezwe lesiXhosa ngethuba lityelele le ndawo.

Amanye amangcwaba, ngenxa yobudala bawo, akasabonakali. Abahlali abaxhalabileyo bathi kukho amathambo wamangcwaba athe ombiwa ayolahlwa kude kule ndawo. I’solezwe lesiXhosa liwabonile amathambo ekukholeleka ukuba ngawomntu athe aphihlika ngenxa yokuqhushunjiswa kweli litye.

Kuphazamiseke amangcwaba kwilali yaseMaCwerheni kuTsolo, kuNtabankulu kugrunjwa ilitye lokwakha indlela Umfanekiso: BHEKI RADEBE

Uluhlu lwamagama wabantu abangcwatywe kula mangcwaba, lufundeka ngolu hlobo:

1. Madolo Sobetshe; 2. Mamphofolo Sobetshe; 3. Makhethi Sobetshe; 4. Gidlikile Sobetshe; 5. Maluthuthwini Sobetshe; 6. Maviyana Cekiso; 7. Nomikhisi Sobetshe; 8. Mangwanya Sobetshe; 9. Duna Sobetshe; 10. Ndumiso Sobetshe; 11. Mathiwa Beba; 12. Mmangalelwa Goniwe; 13. Zukwa Mkwayi; 14. Mgudu Mkwayi; 15. Ndawonye Mkwayi; 16. Siphuthukana Mkwayi; 17. Gaqana; 18. Jamzimba; 19. Mathundwana; 20. Mhongo; 21. Nyongoba Sobetshe; 22. Qotyiwe Sobetshe.

Amanye wamangcwaba achaphazeleke kuqhushumbiso UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

Abahlali bathi le ndawo kombiwa kuyo eli litye, ngamanxiwa wabo amadala abawashiya ngexesha lengcinezelo, besisuswa ngenxa yenkqubo ye-trasti (ukususwa kwabantu kwindawo yabo yomgquba, ze bayokucukaniswa ndaweni ithile).

Ukuqhushunjiswa kweli litye akuphelelanga nje ekonakaliseni amangcwaba, koko kubangele izindlu ezikufuphi ziqhekeke. Enye yazo sisakhiwo setyalike eside sawa bhum emva kokuqhekezwa kukuqhushunjiswa kweli litye.

Inkosi yale ndawo, uKC Siyoyo, uthi umbandela wala mangcwaba wawudlulisela kwiOfisi kaMphathiswa wezoThutho eMpuma Koloni, uWeziwe Tikana-Gxothiwe.

Isithethi sikaTikana-Gxothiwe, u-Unathi Binqose, uthi baza kuwuqwalasela lo mbandela wokuchaphazeleka kwamangcwaba.

“Phambi kwethu, asinaso isikhalazo [malunga nokonakaliswa kwamangcwaba]. Neenjineli zethu azinalo ulwazi malunga nalo monakalo ngenxa yokuqhushunjiswa kwelitye leprojekthi yaseSiphethu,” kutsho uBinqose.

“Kodwa siza kuwulandela lo mbandela. Sifuna ukuqinisekisa uluntu asokuze sizivumele iinjineli zethu ukuba ziqhube kodwa kukho izikhalazo ezinje ngezi. Oku akugwenguli sidima kuphela, koko kunyhasha inkolo yemveli yabantu, kwaye kuyakhabana nemigqaliselo yezendalo nezempilo elawula eli lizwe,” utshilo uBinqose.

Umhlali wale ndawo, uNtuthuzelo Mphandana, uthi baqale ukuhamba bengena kwiminyango yoncedo ngenxa yokubona ukuba abahoywanga yinkosi yabo.

“Uphuhliso asilugatyi, qha into esiyifunayo kukuba izinto zenziwe ngendlela nangesivumelwano. Sikhe sazidina sazokubuza kwikontraka eqhushumbisa eli litye, yona yasikhomba kwinkosi yale ndawo. Ndathi xa ndandiyibuza inkosi malunga noku kombiwa kweli litye, yathi ndivala uphuhliso.

“Apha sithetha ngekontraka eshiye ezinye zezindlu zichachambile, ezinye ziwile, ngenxa yolu qhushumbiso. Kudala siyiqaphele into yokokuba onakele amangcwaba. Lo mba siwusile kwinkosi kwanakuceba. Uceba wathi akanalwazi malunga nomsebenzi wokombiwa kweli litye,” kutsho uMphandana.