ULundi Ushiye Isikhewu Esikhulu

Umfanekiso: Unathi Tuta

Kapa: Ubekwe kumadlaka aseZwelethemba eVostile usaziwayo kumculo wegospile kweli lizwe loMzantsi Afrika uLundi Tyamara. Le mvumi ichazwe njengomntu obenothando, othobekileyo, onobubele kwaye ebemthanda uThixo.

Umzala wakhe uNokuzola Tyamara othethele usapho kwinkonzo yomngcwabo uthe, “andizokuthetha into engeyonyani ndithi sibhiyozela ubomi bakhe kuba isilonda kuthi asikapholi, kushiyeke isikhewu esikhulu kusapho lwethu kuba besixhomekeke kuLundi ngezinto ezininzi. Usifundise ukuthandana. Ebengonqeni ukucela uxolo xa emoshile; ebekwazi ukusithuthuzela sonke. Besibalekela kuye xa sineengxaki. Ube yintsika yeli khaya, kuyavakala ukuba umthi omkhulu uwile!”

Inkosikazi ebimonga, uThobeka Sogwagwa, imchaze uLundi njengomntu owomeleleyo – ebenganikezeli ngokukhawuleza kwaye ebeneenkani. Le nkosikazi ithi yaqala ukumonga uLundi ngenyanga yoMsintsi kunyaka ka-2016, “ngamanye amaxesha bekunyanzeleka ukuba ndibize umanejala wakhe uAnele kuba uLundi ebengakufuni ukuya esibhedlele enyamezele; azifihle ukuba akaphilanga.”

Umngcwabo kaLundi ubuzinyaswe ziimvumi zomculo wegospile kweli eziquka kuzo ugqirha Rebecca Malope nolilise abantu ngengoma ayiculileyo ayibhalele uLundi ethi “I Kiss you goodbye.” 

NoSechaba Pali ucule kwalila abantu, khange akwazi nokuyigqiba ingoma ngenxa yokulila kwakhe eqongeni.

Ezinye iimvumi ezifana noKholeka Dubula, Jaziel Brothers, Bethusile Mcinga, Dumi Mkokstad noKgotso benze imbeko yabo yokugqibela kugxa wabo emculweni. Umphathiswa wesebe lezobugcisa nenkcubeko umnumzana Nathi Mthethwa, umphathiswa wesebe lamanina nabantwana uSusan Shabangu nabaphathiswa bephondo bebezimase le nkonzo yomngcwabo.

Amakhulu ngamakhulu babaxhasi bakaLundi, usapho kwaneemvumi bezizalise ibala lezemidlalo iZwelethemba nalapho umngcwabo wale mvumi uqhutyelwe khona. Umfundisi uNkomfa, Mbhekwa webandla lamaTshetshi nomfundisi uMahadi bebekhona bemele iinkokeli zakwalizwi.