Uluntu lucelwa ukuba lungayisasazi imifanekiso kaZuma esejele

ISEBE leeNkonzo zoLuleko likukhalimele ukusasazwa kwemifanekiso yobesakuba nguMongameli weli, uJacob Zuma, esentolongweni – latsho licela uluntu ukuba lungayisasazi le mifanekiso kumaqonga onxibelelwano ngezobuxhakaxhaka.

Imifanekiso kaZuma esentolongweni yaseEstcourt eKZN ithe ndi kumaqonga ezonxibelelwano.

Jacob Zuma UMFANEKISO: BONGIWE MCHUNU

Isebe lithi le mifanekiso ithatyathwe ligosa lalo ngekhamera.

“Ikhadi eligcina imifanekiso liye lakhutshwa (labiwa) kwikhamera. Uphando lwangaphakathi esebeni libonisa ukuba eli khadi libiwe ze kwabelwana ngemifanekiso nejelo leendaba elaziwayo,” litshilo isebe kwimbalelwano.

Ityala livuliwe emapoliseni kwaye igosa leeNkonzo zoLuleko ebelithatha le mifanekiso ngekhamera linganikwa uxwebhu lokunqunyanyiswa emva kophando lwangaphakathi.

NgoLwesine ibilusuku lokuqala likaZuma lokudontsa isigwebo sakhe seenyanga ezilishumi elinesihlanu, emva kokugwetywa yiNkundla yoMgaqosiseko kulandela ukutyeshela kwakhe umyalelo wokuvela phambi kweKomishini ePhendla ukuDlakatheliswa koMbuso.