‘Uluntu lunoxanduva lokuzikhusela kwiCovid-19’

AbakwaVW baguqule umzimveliso wabo eBhayi bawenza iziko lezempilo UMFANEKISO: UTHUNYELWE

INkulubaphathiswa uOscar Mabuyane uthi uluntu lunoxanduva lokuzikhusela kwintsholongwane yekhorona, esithi ukuhlehliswa kwemiqathango yokuvalwa kweentshukumo elizweni akuthethi ukuba abantu mabatyeshele imigqaliselo yokhuseleko lwabo.

UMabuyane ebethetha kule veki ngethuba bekuvulwa ngokusesikweni iRev. Dr Elizabeth Mamisa Chabula-Nxiweni Field Hospital eBhayi. Esi sibhedlele sesokujongana nezigulana zentsholongwane yekhorona kwaye senziwe emva kokuba inkampani yakwaVW iguqule umzimveliso ongasebenziyo yawujika ze kwafakelwa iibhedi ezingama-3 300 nezenziwe ngeemfefe zenkxasomali eyi-R107 million esuka kurhulumente waseJamani.

Olu lwakhiwo lusekwisigaba sokuqala esiza kwamkela izigulana zentsholongwane yekhorona eziyi-1 485, ze xa sele kugqityiwe kwamkelwe ezingama-3 300.

Umsitho wokuvulwa kwesi sibhedlele ubuzinyaswe nguMphathiswa wezeMpilo kuzwelonke uGqr. Zweli Mkhize kwanogxa wakhe wephondo uSindiswa Gomba.

UMabuyane uthi ngoogqirha abahlanu, abongikazi abangamashumi amane kuquka nabasebenzi abangamashumi asibhozo ababandakanya oonomakhaya, abaqhubi bezixhobo zezibhedlele (porters) kwanabezococo abaza kuthi basebenze kwesi sibhedlele.

“Ukuhlehliswa kwemiqathango yokuvalwa kweentshukumo elizweni akuthethi ukuba abantu mabatyeshele imigqaliselo yokuzikhusela. Le ntsholongwane iphila nathi, sicela abantu baqhubeke nokuzikhusela ngokunxiba iimaski, ukuhlamba izandla kwaye kungasondelelwana,” utshilo uMabuyane.

UMkhize uthi ukuhlehliswa kwemiqathango yokuvalwa kweentshukumo elizweni kuthetha ukuba amanani wabo bosulelekileyo aza kwenyuka, ngoko ke kubalulekile ukuba abantu bazikhusele.

UThomas Schaefer, uSihlalo noMlawuli Jikelele kwiVWSA uthi bafunde ukuba intsebenziswano ngundoqo kumaxesha obunzima. “Le ntsholongwane ifuna senze izinto ngesantya esikhawulezileyo,” utshilo uSchaefer.