Uninzi labantu belizwe loMzantsi Afrika bakholelwa ukuba ulwaphulo-mthetho kweli lukhula ngokungxamileyo, kwaye abantu baziva bengakhuselekanga phantsi kwale meko.
Oku kukhutshwe yingxelo yeenkcukacha-manani (Stats SA) kwinkcazelo yabo ethetha ngamaxhoba olwaphulo-mthetho kuzwelonke.
Ukuqhekezwa kwezindlu kwanokukhuthuzwa kwabantu emakhayeni abo lolona laphulo mthetho luqatseleyo, olu phando lenziwe kwizindlu ezikumashumi amathathu amawaka phakati konyaka ka2014 no2015.
Ukuqhekezwa kwezindlu kunyuke ngeepesenti ezine ekhulwini (4%), lo gama ngo2010 kunyuke kwaya kwiipesenti ezintlanu ekhulwini (5%).
Uninzi labantu beli bakholelwa ukuba akukhuselekanga ukuhamba kwizitalato zelizwe loMzantsi Afrika ingakumbi ngorhatya.
UMzantsi Afrika uza kongamela iG20: Kuthetha ntoni oko?