‘Uluntu malingalahli inkunkuma kwimibhobho yamanzi’ Trollip

USodolophu womasipala ombaxa iNelson Mandela Bay nabasebenzi be-EPWP ngethuba kumiliselwa iphulo lokucoca imibhobho yamanzi eTinarha.

NGAMAKHULU amabini azakuxhamla
kumathuba emisebenzi kwiphulo lo masipala iNelson
Mandela Bay
lokucoca imibhobho elungiselelwe ukuhambisa amanzi abangelwa zizantyala-ntyala
zee mvula.

Eli phulo liphehlelelwe
nguSodolophu walo masipala uAthol Trollip, kumsitho obubanjelwe kwiholo yesixeko
sedolophu eTinarha, kwaye liyinxalenye yephulo lemisebenzi yoluntu, elibizwa
ngokuba yiExtended Public Works Public 
(EPWP).

UTrollip uthe eli
nyathelo lizakuphelisa ukuxinana kwemibhobho yamanzi kule ndawo ezele yinkunkuma
ethintela ukusebenza nokungahamba kwamanzi kwimibhobho. 

UTrolliup ukwakhuthaze  abahlali ababezimase lo msitho esithi mabohlukane
nomkhwa wokugalela  inkunkuma nezinye
izinto ezimdaka ezibangela ukuxaba phakathi kuzo.

“Namhlanje sisungula umsebenzi omkhulu
ozakuphucula ukusebenza kwemi bhobho nozakuza nemisebenzi edingekayo kulo  masipala, ngumsebenzi wethu ke singabahlali
ukuba sincedisane ukucoca le dolophu, “ utshilo.

Ethetha nabasebenzi abazokwenza lo
msebenzi,  ubayalele ukuba  bangadlalisi koko bawu thabathe ngamandla
umsebenzi kuba liphulo elenzelwe ukuncedisana nomasipala kumsebenza
wokunikezelwa kweenkonzo eluntwini.

Ukwathe eminye yemisebenzi ezakwenziwa
kukugeca ingca ende ezindleleni.

Omnye wabasebenzi kweli phulo uSiyabulela Nkosiyaphantsi
uthe, “Njengotata wekhaya, ukufumana umsebenzi kuthetha ukuba isdima sam
sizakubuyela kum kuba ndizakutsho ndibeke isonka etafileni.” 

Ongusihlalo kwisebe lezendlela nezothutho kulo masipala uRayno Kayser uthe, eli lelinye lamanyathelo eDA  lokufezekisa izithembiso zalo mbutho zonyulo zokudala imisebenzi. Uthe le migudu basezakuyisondeza ngokukhangela nezinye iindlela.