“Uluntu maluve ubukho bamapolisa”

UMphathiswa wezoThutho noKhuseleko loLuntu kweli phondo uXolile Nqatha kunye noMkomishinala wamaPolisa eMpuma Koloni, uNjengele Nomthetheleli Mene ngethuba betyelela iivenkile ezahlukeneyo.

Njengoko ilixesha lolonwabo eli enyakeni nezenzo zolwaphulomthetho ziza kuqatsela, kungoko uMphathiswa wezoThutho kwakunye noKhuseleko loLuntu kweli phondo uXolile Nqatha ebongoza amapolisa ukuba aze abonakale kwaye uluntu luve ubukho bamapolisa kwiindawo zokuhlala.

UNqatha ebethetha eDikeni kule veki ngethuba kuqhutywa nephulo lokuphehlelela iFestive Season eMpuma Koloni.

Ukwakhuthaze amapolisa ekubeni aqhubekeke esenza umsebenzi omhle ekuhlaleni ukuqinisekisa ukuba iphulo likaOperation Sikhona liyavakala eluntwini. Ukwabongoze amapolisa ngelithi nawo aqiniseke ukuba akhuselekile kwenzele abuyele emakhaya nawo ephila.

UMkomishinala wamaPolisa eMpuma Koloni, uNjengele Nomthetheleli Mene nobeyinxalenye naye neli phulo, uthi injongo yabo kukuqinisekisa ukuba abantu bakhuselekile.

EDikeni kujongwe iindawo ezithengisa utywala ukuba zikhuselekile kwaye ingaba iimpepha ezigunyazisiweyo zikhona na. Bekukwajongwa nabemi bangaphandle ekubeni banazo kusini na iimpepha ezigunyazisiweyo zokuba kweli loMzantsi Afrika.