Ulunywe lixhegwazana elidlwengula, wabalekela ukuzophula

Ixhegwazana laseMvumelwano kuCentane lithe lakuva ukuba liyadlwengulwa ezinzulwini zobusuku bangoMvulo kule veki, lasebenzisa izinyo lalo lasiluma kanobom isidlwengu, nesithe kamva sabalekela ukuzophula.


Noxa nje kungacaci ukuba esi sidlwengu silunywe ndawoni, isithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha singqinile ukuba esi sidlwengu silunywe kanobom leli xhegwazana.


UManatha uthi eli xhegwazana belihleli lodwa emzini walo ngoMvulo, ze phaya ebusuku ngentsimi yeshumi elinanye leva ukuba kukho umntu olidlwengulayo.


“Ekuphakameni kwakhe uye waluma umrhanelwa, ze wabaleka ngoko nangoko umrhanelwa,” utshilo uManatha.


Kuye kwavulwa ityala lodlwengulo, ze kwabanjwa umrhanelwa. Umrhanelwa kulindeleke avele kwinkundla yakuCentane ngomso (Lwesihlanu).