Ukungabikho kwamathuba ophuhliso kwanamathuba enguqu kulutsha lwaseAmahlathi kubangela ukuba ulutsha lwalammandla luzibone lungazithembi kwaye lungazazi neyona talente lunayo.
Kungoko amantombazana amane azalwa kwaNgxakanxa eCumakala ekhuphe kuwo empokothweni enza imbali ngokuthi babenomsitho kaMr and Miss Amahlathi ngeenzame zokuphuhlisa olu lutsha.
Ongomnye wabasunguli beli phulo neliphulo elijonge ukuphuhlisa kwanokuxhobisa ulutsha lwalammandla, uMihle Ngxakangxa uthi, idolophu yabo iCumakala kuquka iKatikati kwakunye neQoboqobo ziphantsi kweAmahlathi azinamathuba maninzi kwaneenkqubo ezininzi eenjongo zokuphuhlisa ulutsha.
“Emva kokubona lo mngeni sijamelene nawo silulutsha lokungabinazinto zokusiphuhlisa, sibone ngokuba masiqale ngolu khuphiswano ukubuyisa ukuzithemba kolutsha kwanokuzivavanya kwelinye icandelo.
“Khange sikhethe abatheni ke siye saquka nabeLGBQT kuba sifuna ukubabonakalisa nabo ukuba sibanye, futhi mabazithembe bangazivi bevaleleka ngaphandle ekuhlaleni,” utshilo uMihle Ngxaka
Uqhube wathi lo msitho ibingowokuqala kubo kuba bebengenawo namava kwaye bakhuphe kubo empokothweni kuba khange babenezibonelelo eziphuma koosomashishini.
Omnye wabaphumeleleyo uAljoney Logus Mashapa (16) nowenza uGrade11, uthe: “Ndiyibone iliqonga lotshintsho kuthi thina bantu batsha kwanokuvakalisa izinto ezibalulekileyo, ndifuna nokuxhobisa abanye abatsha, elithuba ndizakulisebenzisa ngokufundisa ngendinalo ulwazi ekuhlaleni.”
UMilani Mavango (21) nophumelele njengo Mr Amahlathi uthe: “Ndikhule kunzima nto leyo indenze ndaphulukana namathuba amaninzi kwaphela ukuzithemba kuba bendisoyika nokujajwa ekuhlaleni.
“Ukungenela olukhuphiswano ibiyenye yeendlela yokulwana nobugwala bam ukubyisa ukuzithemba. Ndiyakholelwa wonke ubani unelizwi kwaye akufanelanga uyoyika.”
USiyambuka Ntsasa Zono (21) owenza izifundo zoLawulo eLovedale Collage uthe, “Ndingenele uMiss Amahlathi ndingajonganga kuphumelela koko ufumana amava kwanokuzithemba. Ndikwangenele nokufuna ukuveza italente. Ndikwangenele ukukhuthaza nabanye oontanga bam abatsha abangamanina.”
ULisakhanya Nogaga (17) owenza uGrade11 uthe, “Ndingenele kuba ndifuna ukuzithemba, ukuzazi, kwanokuzidibanisa nabantu abanezi njongo ndinazo zokuphuhla. Ndiceba ukwenza utshintsho koogxa bam nasekuhlaleni.”
UOvayo Oks Busika (20) okunyaka wesibini kwizifundo zakhe eLovedale Collage eAlice yena uthe, “Ndingenele kuba ndizifuna ukuba ndingubani, ukuzisa utshintsho oluhle kwabatsha, ndikwafuna nokuba ngumzekelo kuye nabani na umntwana ajonge izinto ezintle.”
USamsung ukhuphe ekhasini oomanqanqa beefowuni eziphathwayo