Ulutsha laseQonce kwisikhumbuzo seJune 16

Ulutsha lecawa yaseRhabe eZwelitsha beluzibambele umsitho wokukhumbula usuku lwenyhikityha yokubulawa kwabantu abatsha eRhawutini ngo1976.

Olu lutsha beluyikhumbula ngendlela ekhethekileyo le mini, kuba bebebambe umngcelelele obusuka ecaweni yabo eZone 9 ukuya kutsho ekuphumeni kwale lokishi.

Endleleni bebecula amaculo eCawe. ESteve Biko Centre eGinsberg bekubanjwe umsitho wabantwana bezikolo zeelali neelokishi ezirhangqe iQonce ukukhumbula olu suku.

“Usuku lwanamhlanje lubalulekile kakhulu kum, kuba njengolutsha siboniswa imbali yale mini. Xa siyinxalenye yale nto njengolutsha lwaseSt Phillips isivisa kamnandi. Le nto ibonisa ukuba imbali yelizwe lethu siyayazi. Sibonakalisa ukuba ibandla lithetha into enye ngolusuku.”- Kuhle Mandyebi, Zone 10.

“Ingxaki ezijonge ulutsha namhlanje ziquka ukukhulelwa kwabaselula, ukungafumani misebenzi kunye neendawo zokufunda. Into eyenziwa lulutsha luka1976 izise uncedo kuMzantsi Afrika ngokubanzi, ingakumbi kwicala lokuba ulutsha luphakame luzenzele. Namhlanje senza uhambo lokukhuthaza ukuba ulutsha luhlale luse mpilweni.” – Zethu Nkqayi, Sweetwater.

chris.gilili@inl.co.za