Ulutsha leCawe lulwela abalupheleyo

Iphiko lolutsha leCawe yamaTshetshi i-Anglican Youth Fellowship kwidayosisi yaseMbhashe, limemelela kulutsha laseDutywa kunye neendawo ezingqongileyo ukuba liyilwe iphele into yokugetyegwa kwabantu abadala.

Eli khwelo lihlatywe lulutsha lamaTshetshi xeshikweni libambe umngcelele ubusingise kwinkonzo yesipolisa kwiveki ephelileyo liyonikezela ngoxwebhu elithi kwanele ngoku ukubulawa kwabantu abadala.

Ukudlwengulwa kwabantu basetyhini kunye nokobulawa kwabo, ziziganeko ezixhaphakileyo ukwenzeka kwindawo yaseDutywa ngokutsho kolu lutsha.

UPatrick Msengana obeququzelela lo mngcelele, uthi babone kuyimfuneko ukuba baqaphele usuku lolutsha ngokuthi balwe into yokuphathwa gadalala kwabasetyhini ngezesondo, bambi bebulawa kwiindawo zaseMbhashe.

“Usuku lolutsha lusoloko likhunjulwa ngokuthi kujongwe imisebenzi eyenziwa ngabanye abantu, thina sithe makhe siyitshintshe lo nto sijongane nemiceli mngeni eyenzekayo,” utshilo uMsengana, oyimvumi yegospile kwakunye nomsasazi eVukani FM.

Uthi into yokuxhatshazwa kwabantu ichaphazela wonke umntu nokuba useCaweni, ingakumbi kwiziganeko ezifana nezi.

Umfundisi wolutsha kule cawa, uLuzuko Doti uthi kunyaka ophelileyo kwangetyegwa umama wecawa kuGatyane, kwaye lo nto isabaphatha kakubi nangoku.