Ulutsha lutshintsha ubomi ngoshishino lolimo

Linconyiwe igalelo leprojekthi yabantu abatsha ebizwa iMilla Farming ejongene nokutyala imifuno eluhlobo lweSpinach kwindawo yaseMbuqe eMthatha kulandela ukusungulwa kwayo ngabantu abatsha abahlanu.

Sithetha nje sele incede ukugxotha ikati eziko kwimizi elishumi ubuncinane, kwaye ilinywe kumhlaba oziiHectare ezimbini kodwa kulindeleke yandiswe iye kwindawo yaseOrange Groove kufutshane nelali yakwaNonkobe eMthatha.

Abantu abatsha asele beqeshiweyo balishumi kusonngezwa kubasunguli bayo abahlanu, lo nto yenze ishumi elinesihlanu labantu abasebenza kuyo.

Umphathiswa wesebe lophuhliso lwentlalo yoluntu eMpuma Koloni uNancy Sihlwayi utyelele le project izolo ngeliyojonga inkqubela kususela yasungulwa. Eli sebe lixhase le Projekt ngemali elinganiselwa kwiR250 000 kunyaka ophelileyo.

Ngaphambi kokutyelela le ndawo uqale watyelela enye ebizwa Uphuhliso lwethu elima iintlobo zemifuno equka icabbage, spinach kwakule ndawo yaseMbuqe neyaxhaswa leli sebe kwiminyaka embalwa edlulileyo ngemali engaphezulu kweR500 000.

Umphathiswa uSihlwayi emveni kolu tyelelo uvakalise ukoneliseka yinkqubela phambili yalo msebenzi wabantu abatsha kwezi Projekthi zimbini.

“Ndonelisekile yinkqubela endiyibone namhlanje kuba kubantu abaqeshwe apha abatsha benza umahluko omkhulu kwiindawo abahlala kuzo kugxothwa ikati eziko. Akupheleli apho, bahlala bexakekile bafuna ukusebenza baphinde baziphuhlise emveni koko bazivulele awabo amashishini,” utsho Sihlwayi.

Ukwathi bazosoloko bejonge ngeliso elibanzi indlela aba kopolotyeni abahamba ngayo ngeliqinisekisa ukuba bayakhula ngendela eyiyo banyuse noqoqsho ekuhlaleni.

Uchaphazele imiceli mngeni equka ukungabikho kweendlela zokusa imveliso edolophini.Uyalele umasipala weKSD ukuba angenelele kule micelimngeni.

Omnye wabasunguli balo kopolotyeni uMilla Phandwa uthi sele benze umahluko ngokuqesha abantu abatsha baphinde bakhulise intengiso yabo iye kwiivenkile ezinkulu eziquka uSpar, Food Lovers, izikolo nezinye.

“Nangona sikhula kodwa sinengxaki yokuxabisa kwetyala la manzi, asinamoto yokusithuthela imveliso yethu ukuya edolophini kunyanzeleka singene nzulu ezipokothweni siqesha iveni, nto leyo isishiya singenamali yaneleyo. Siyavuya ukwenza umahluko kulutsha lwale ngingqi yaseMthatha.

“Icebiso lam kukuba abantu abafuna ukungena kushishinio lokulima mabaqale bafumane uqeqesho, baphande banzi ngolu shishino ukuze kungabinzima,” kutsho uPhandwa.

Kusenjalo uSihlwayi ukwaphehlelele inyanga yabantu abatsha kule ndawo.

isibhalo@inl.co.za