Ulutsha lweMpuma Koloni luwela ulwandle

Ulutsha olungamashumi asithoba anesixhenxe belungayivali
imilomo luvuyo ngethuba lukhululwa ngokusesikweni yinkulumbuso yephondo leMpuma
Koloni uMnu. uPhumulo Masualle ukuze luyokuba yinxalenye yohambo olunemfundiso
olujikeleza ilizwe lonke ngomkhumbi. 

Eli phulo nelisingathwe liqumrhu
elisebenzisana norhulumente iSouth African Maritime Safety Authority lisekwe
ngeenjongo zokufaka isandla kuphuhliso lolutsha ngaxesha linye linikeza
imfundiso yezamalwandle nokhenketho jikelele. Besebenzisana ne-ofisi
yenkulumbuso, abakwaSAMSA batyumbe eli gcuntswana kwinani elingama-128 labo
bebeqeqeshwa, bexhotyiswa ngezakhono kwimiba yezokhuseleko emanzini, ukubukwa
kwendalo kunye nokhenketho.

Lo mnyhadala wokunqwenela eli qela undlela-ntle uqhutyelwe
ePort St Johns kwiphondo leMpuma Koloni ngomhla wama-23 kweyeThupha kwaye
ubuzinyaswe ziinkokheli zezopolitiko, iintsapho zoosingaye, ikumkani
yamampondo uNdamase Ndamase, isigqeba solawulo seSAMSA kunye nenkulumbuso  ebikho buqu.

Abo bathi bawelwe ngumqa esandleni bokunikwa ithuba
lokungena kwinkqubo kaSAMSA ebizwa iMarine Youth Development Program minyaka le,
kuye kulindeleke ukuba bagudlane imihlana nabo basuka kumazwe ngamazwe, kulo
mjikelezo baze bafumane imisebenzi phesheya kwezilwandle. Impumelelo yale
nkqubo, neqhubeka ngokuvelisa amathuba emisebenzi kulutsha olungaphantsi
kwamashumi amabini anesihlanu eminyaka, yenze ukuba uncedo lukaSAMSA lukwazi
ukunwenwela nakwamanye amaphondo.

Ngethuba esethula intetho yakhe echanekileyo okaMusualle,
wazize ukuba iphondo lineenjongo zokuqhubeka ngokunika inkxaso engagungqiyo
kwiinkqubo ezikumila kunje kwaye lizakuzinikela ekuqeqesheni ulutsha
olungama-350 ngonyaka wama2018. Uthe, bonke abo bangeneleyo kweli tyeli
bazakubuya emakhaya benebhongo neqhayiya kwaye benamava okunyathela phesheya
kolwandle.

“Iphondo lisebenza neSebe lezeMisebenzi kwinkqubo ebizwa
‘ngeSmall Harbour Development Program’ kwiinzame zokwakha indawo yokumisa
imikhumbi apha eSajonisi. Le ndawo ikhonjwe njengendawo kazwe-lonke
yokuzonwabisa ngu-Operation Phakisa, oyinkqubo karhulumente yokwandisa isantya
sophuhliso nodalo lwemisebenzi”, kutsho inkulumbuso uPhumulo Masualle.

Intloko yezemisebenzi kwaSAMSA nekwayinzalelwane
yedolotshana yakuTsolo eMpuma Koloni uMnu. uSobantu Tilayi, uthe eli candelo
lenza umyinge ongaphezulu kwamashumi amahlanu ebhiliyoni kuhlumo noqoqosho
lweli, kwaye kurhaneleka ukuba ngonyaka wama-2033 lingabe lisenza into
engaphezulu kwezilikhulu.

Wongeze ngelithi, “Le misebenzi bazakuqashwa kuyo
yimisebenzi esisigxina ephesheya kolwandle kooMelika nakooYurophu kwaye
bazakufumana amava amatsha”.