Ulutsha lwephondo lubonakalisa umdla kuvoto

Umbhalo obhalwe kwisango elingena kwilali iKeilands Umfanekiso: oselugcinweni

IKomishini yezoLonyulo eZimeleyo i-IEC eMpuma Koloni ithi isebenza nzima ukuqinisekisa ukuba nolu lonyaka ozayo unyulo luyimpumelelo.

Kwiveki ephelileyo le komishini ibibambe indibano eGarden Court eMonti, idakanca umhlahlandlela malunga nonyulo lwamaphondo nolukazwelonke oluza kubanjwa kunyaka ozayo.

Ukuza kuthi ga ngoku, bangaphaya kwezigidi ezithathu ezinamakhulu amathathu (3 323 322) abantu beli phondo abakuluhlu lovoto kunyaka ozayo, nabazakuthi bavote kwiiWadi ezingamakhulu asixhenxe anesihlanu (705) bekwenza oko kwizikhululo zovoto ezikumawaka amane anamakhulu amathandathu namashumi alithoba anesithoba (4 699).

Intloko yeIEC eMpuma Koloni uKhayakazi Magudumana, uthi uchulumance kakhulu ukubona ulutsha lubonakalisa umdla kolu nyulo.

Oku kungenxa yento yokuba kumjikelo wokubhalisa kwinyanga ephelileyo, ulutsha lwaseMpuma Koloni olukuma59 869, noluphakathi kweminyaka ekwishumi elinesithandathu (16) ukuya kumashumi amabini anesithoba (29), luthe lwaphuma lusiya kubhalisela ukuthabatha inxaxheba kolu lonyulo.

Kodwa ke ikwakhona inkxalabo yeIEC, nanjengoko kukho uthotho lwezikhululo zovoto ezingenamanzi, izindlu zangasese, umbane kwanoqhakamshelwano ngokomnxeba.

Kwiinkcukacha ezivezwe nguMagudumana kwiveki ephelileyo, izikhululo zovoto zeli phondo ezingenambane zikuma764, ezingenamanzi zikuma543, ezingenazindlu zangasese zikuma323 logama ezingenaqhakamshelwano ngokomnxeba zingamashumi amahlanu anesixhenxe (57).

UMagudumana ukwaveze inkxalabo ngezikhululo athi ziye zibanike ingxaki, ingakumbi eso saseKeilands kumasipala iAmahlathi.

Ngamatyeli abakwaIEC bengavunyelwa ukuba baqhube inkqubo yovoto eKeilands, kuba abahlali bale ndawo besithi urhulumente ulibele ngabo kwimiba yeenkonzo.

UMagudumana ukhuthaze abo bangekazibhalisi iidilesi zabo, okanye ulutsha oluzakube luqala ngqo ukuvota, ukuba basebenzise umjikelo ohlelelwe ukubanjwa ngenyanga yeNkanga (November) kulo nyaka ukuze babhalise.