Uluvo: OoFacebook babulala iilwimi zesiNtu

Kweli xesha siphila kulo amajelo osasazo yeyona nto ithe yaxatyiswa kakhulu ngabantu, ingakumbi ulutsha.

Ubukhulu becala abantu babhala iingcinga zabo kumajelo osasazo. Bambi bafaka istatus kwiFacebook nakwiWhatsapp, abanye bafaka iitweet kwiTwitter njalo njalo.

Abantu bayiqwalasela ngakumbi into abayibhalayo xa beyibhala ngesiNgesi. Abanye bachitha imizuzu bekhangela amagama antsokothileyo kwizichazi-mgama befuna ukubhala into exhomileyo.

Bambalwa kakhulu abantu abathi basiphazame isiNgesi xa besibhala kumajelo osasazo. Loo nto ayibangelwa linqanaba lemfundo okanye kukuba umntu usazi kangakanani isiNgesi kuphela, oyena nobangela wokuba abantu basibhale kakuhle isiNgesi kukuba bayayiqwalasela into abayibhalayo, bayayifunda bade bayifundisise phambi kokuba bayithumele ebantwini.

Kusika kabuhlungu xa ubona abantu bengenzi loo nto xa bebhala ngeelwimi zesiNtu. Loo nto ndithe ndayiqaphela xa ndibona abantu bebhala isiXhosa, ubukhulu becala abantu abayilandeli imigaqo yokubhalwa kolwimi lesiXhosa.

Abantu bayathanda ukuqhawula amagama ngendlela engeyiyo, amagama amaninzi bawapela ngendlela engeyiyo, abanye bayasokola ukuvumelanisa kakuhle isibizo esiyintloko kunye nesenzi njalo njalo. Jonga lo mzekelo siwubeke ekhohlo kwesi sibhalo.

Kubalulekile ukuba sizame ngandlela zonke ukuba sibhale ngendlela eyiyo isiXhosa kumajelo osasazo kuba abantwana besikolo abaninzi bayizifunda izinto ezibhalwa apha, ngokuhamba kwexesha bazakucinga ukuba yindlela eyiyo yokubhala isiXhosa le. Kukho nabantu abangakhange babe nethuba lokufunda isiXhosa ezikolweni, nabo bazakuthi xa bebona ezi ziphene bacinge ukuba yeyona ndlela sibhalwa ngayo isiXhosa esi. Indlela esibhala ngayo iilwimi zesiNtu kumajelo osasazo izakunceda iilwimi zethu zikhule kwaye ziphucuke.

Eli nqaku alizami kubagxeka abantu ababhala ngeelwimi zesiNtu kumajelo osasazo, leyo into ndiyixhasa ngokupheleleyo, kwaye ndiyabakhuthaza abantu ukuba bazisebenzise ezi lwimi, kodwa xa singazama ukuzibhala ngohlobo olululo.

Ndiyazi ukuba xa umntu ebhala zibakho iimpazamo athi azenze ekubhaleni kwakhe nam ndinazo, kodwa ezo mpazamo zingancipha xa singaqwalasela indlela esibhala ngayo.

Xa singazama nokubuza siqiniseke ukuba sibhala ngendlela eyiyo. Ngaloo ndlela nawe njengambhali uyakwazi ukuba ufunde into entsha ngeelwimi zesiNtu ngokuthi ubuze xa ubhala.

Ndibathulela umqwazi abantu ababhala ngeelwimi zesiNtu, kwaye ndicela bangatyhafi balungise nje ezo ziphene zikhoyo kwindlela ababhala ngayo.

Enkosi.