ULuyolo uqaqambisa uthando lokwenene kwingoma entsha

UTHANDO alufumene kubazali bakhe, lwenze ukuba uLuyolo Yiba abhale kwaye acule ngalo.

UYiba, inzalelwane yaseQonce, ophumelele ukhuphiswano lwee-Idols kunyaka ophelileyo, ukhupha ingoma entsha kraca ethi ‘ My love for You.’

Ebalisela I’solezwe lesiXhosa, uthi le ngoma ibalisa ngokuthanda umntu ngokwenene.

“Uthande umntu de uzibone akukho nto ungenokumenzela yona. Loo mntu ingaliqabane, isihlobo okanye abantwana bakho,” kubalisa uYiba.

“Ikhuthazwa luthando endikhule ndilubona kubazali bam. Indlela abathandana ngayo!

Ngokunjalo nothando endilufumeneyo nendilunikezileyo.”

Kule ngoma iphume kwiveki ephelileyo, uYiba usebenze noKurt Herman, uTia Herman noLuwellyn George.

Uthembise ngelithi le ngoma, naleyo aziwa ngayo ethi ‘Sunshine Through The Rain’ ziza kuba kwicwecwe lakhe eliza kuphuma ekukekeleni kwalo nyaka.

“Icwecwe ngahle lifumaneke kwisiqingatha salo nyaka. Ndifuna ukuthatha ixesha xa ndilenza ukuze abantu bangaziva beqhathiwe okanye icwecwe lingagqibekanga ncam,” kwazisa uYiba.

Uthi ngethuba kulindwe eli cwecwe uza kuqhubekeka nokuthulula ucwambu lomculo.

“Okwangoku abantu bangabe bephulaphula koonomathotholo ukuze bave le ngoma,” kutsho uYiba.

ISebe lezobuGcisa neNkcubeko kwiMpuma Koloni lisandul’ ukuthi jize uYiba ngewonga lokumela iMpuma Koloni kwii-Idols. UYiba ukuchaza ukunikwa eli bhaso njengewonga eliphakamileyo.

Uthi angathanda ukusebenza nabantu abaliqela emculweni, ebalula phakathi kwabo uVusi Nova, uAmi Faku, uAmanda Black noElaine.

Ingoma yakhe ifumaneka kuzo zonke iivenkile zomnatha ezithengisa umculo.