Ulwaluko aluvumelekanga kuLevel 4, utsho umthetho wemiqathango emitsha

AKUKHO nkwenkwe evumelekileyo ukuba yoluke phantsi kweBakala leSine (Level 4) lokuvalwa kweentshukumo elizweni (Lockdown), utsho umthetho wemiqathango emitsha etyikitywe nguMphathiswa (Cogta) uNkosazana Dlamini-Zuma ngeCawe.

Oku kuza emva kokuba uMongameli Cyril Ramaphosa ethethe nesizwe ngokuhlwa kwangeCawe, apho abhengeze ukuvalwa kotywala kwaneendibano (ngaphandle nje kwemingcwabo), phakathi kweminye imiqathango.

URamaphosa uthi intlalubela yohlobo lweDelta kule ntsholongwane yeCovid-19 ifunyenwe apha eMzantsi Afrika kumaphondo amahlanu kuquka neMpuma Koloni. Le ntlalubela yiyo ebigqugqisa, ibulala abantu e-India kwaye kuthwa inwena okomlilo wedobo.

Ulwaluko aluvumelekanga emva kwemiqathango emitsha ebhengezwe ngurhulumente kazwelonke ngeCawe UMFANEKISO: REUTERS/Siegfried Modola

Ngaphambili urhulumente ebebhengeze ukuba isiko lolwaluko luza kuqhuba kweli xesha lasebusika, kodwa wathi yona imigidi ayizukuqhuba. Kodwa emva kwexeshana, wabuya kwakhona urhulumente esithi imigidi iza kuqhuba.

Kodwa ngoku urhulumente uthi inkwenkwe engekoluki ayivumelekanga ukuba yoluke phantsi kwale miqathango mitsha.

Inkwenkwe ebisele yolukile iza kuqhuba nenkqubo yolwaluko, kodwa imigidi iphinde yabhangiswa ngokwalo mthetho mtsha. Eyolukileyo inkwenkwe emva kokupapashwa kwale mithetho mitsha, iza kubona elo bhuma layo lichithwa ngabasemagunyeni.