Ulwaluko ayikokusikwa qha!

‘AMADODA ZIINKUNKUMA! AMADODA ZIZINJA!’

La ngamagama akhe axhaphaka kumnatha wonxibelelwano, ephuma kubantu basetyhini. Nathi siliphepha sikhe safumana iimbalelwano ezisuka kumadoda athi wona awayonkunkuma kwaye yindelelo ukuthi amadoda ziinkunkuma.

Kule mpelaveki yootata, sithe chu sayokukroba eRhini apho bekushukuxwa ubudoda ngamadoda afana nooLoyiso Nqevu, DJ Luckeez (Umhlobo Wenene), Khaya Nkontso (weCommision for Gender Equality) Mthembeni Tebelele (Aphile Communications) neNkosi uNgwekazi wamaBhele eNgqushwa.

“Umhlola uqhwatyelwa izandla! Isimanga siyakhuzwa! Isihelegu siyahewulwa! Iyatyiwa iTeam yethu yamadoda. Ayiqali ngokuba sixhaphaze amanina. Kudala sizimoshela singamadoda; sizithoba isidima ngokwethu!” uthethe watsho uNqevu kule ndibano yamadoda ebisingethwe kwiCawe yaseSt Patricks eRhini, phantsi komxholo ongu “Sakha Amadoda, Sikwakhulisa Amadoda!”

“Ulwaluko ayikokusikwa qha!” uqhube watsho uNqevu. “Nokuba kungathiwa tsiba itafile qha. Luphawu nje into yokudlangwa, ayidibenanga nokwalusa amadoda. Le nto ibubudoda yinto engapha kwale sisoloko sithetha ngayo yokusikwa!”

Amadoda avumelene kwelokuba nokuba inkwenkwe ingaza sele idlangiwe eSuthwini, akunokubakho ngxaki. Ingxaki iqala pha kwiimfundiso abazifumana eSuthwini. Iziganeko zodlwengulo lwabasetyhini nabantwana zibuyiselwe eSuthwini, ngelithi undonakele uqala pha kulwaluko ngoba amadoda awasafundiswa intlonipho neendlela zokuziphatha njengamadoda. Kubongozwe ootata ukuba baziphe ixesha baye kumabhuma, bayokubona kwaye bafundise abakhwetha.

Umququzeli wolu suku, onguSimo Mawawa Ndyoko (35), uthi uthe akujonga ekuhlaleni wafumanisa ukuba amadoda ayilahlile into ayiphilelayo emhlabeni kwaye izinto ezenziwa ngamadoda zimasikizi kutshanje.

“Amadoda ebekhe athukwa kwathiwa ziinkunkuma; ngenxa yezinto abazenzayo. Kubekho la madoda asihlazayo; asele utywala ibe ngathi yinto entsha. Indoda ihambe ichama esithubeni. Abanye badlwengula abantwana. Zininzi.”

UDJ Luckeez yena uthethe ngendima katata ebomini bomntwana, esithi: “Xa ungutata kufuneka ubajonge abantwana bakho ubakhathalele. Umntwana akakwazi ukuba yingxaki ukhona wena tata!”

UGqirha Tebelele yena uthethe ngokubaluleka kwezesondo phakathi komfazi nendoda.

“Ezesondo yimfuneko kumntu ongutata, nakumntu ongumama. Singootata kufuneka sibe sixhobisekile xa sidibana neengxaki kwezesondo. Yiyo lo nto xa kukho ingxaki pha kumhlaba ongezantsi umntu kufuneka akhangele amacebo ezempilo.”

Ukanti uKhaya Nkontso uthethe ngeendidi ngeendidi zesini; amadoda athandana namanye amadoda, abasetyhini abathandana nabanye basetyhini, ukuzalwa ulitalase, ukungcikivwa kwabo bangaphili ngokwesini sabo.

UNdyoko uceba ukubamba ezinye iingxoxo zamadoda jikelele kwaye kweyeThupha uzakube eyisa eQonce le ngxoxo yamadoda. KweyeDwarha ayise eMdantsane. “Ndiza kuzama ukuyisa kuzo zonke iidolophu zalapha eMpuma Koloni. Ewe, inkxaso ndiyayidinga, ingandinceda kakhulu ukuba sifikelele nakwezinye iindawo. Amadoda akhe athethe ngondonakele.”