Ulwaluko ayisosiqinisekiso sokuba awuzokufumana uGawulayo

“Ewe, xa ungolukanga ubasemngciphekweni owongezelekileyo ngokuba usenesikhumba esigcina iintsholongwane kwilungu lakho lobudoda. Intsholongwane kaGawulayo iye ihlale apho. Xa wolukile ithuba lokuba le ntsholongwane ihlale kuwe lehla ngento engangomyinge we60% kodwa oku akuthethi ukuba owasetyhini ukhuselekile. Usenokumosulela. Sikhuthaza idyasi kamkhwenyane qho!” kutsho uLarissa Klatzinga, onguManejala wengingqi nommeli weAIDS Healthcare Foundation (AHF) kuMzantsi weAfrika.

Abakwa-AHF bebeseMonti kule veki iphelileyo bezokuzazisa ngokusesikweni kwiMedia yaseMpuma Koloni.

Bachaze ukuba sele bekhona kwiikliniki ezingama-55 eMpuma Koloni, kwaye owabo umsebenzi kukuxhasa nokufundisa abo badinga uncedo nonyango kwezikaGawulayo.

“Sesineminyaka elishumi sikhona ephondweni; savula ikliniki yethu yokuqala eXesi koka-2007. Kule minyaka ilishumi sizame kangangoko ukuxhasa iilali,” kutsho uHilary Thulare, oyingqonyela yeeNkqubo zika-AHF kuMzantsi we-Afrika.

Nangona inani labantu abosuleleka ngoGawulayo lehla ukusukela koka-2002, amantombazana aphakathi kweminyaka elishumi elinesihlanu namashumi amabini anesihlanu asengawona asemngciphekweni wokosulelwa.

Nomba wokuqelelana kweelali wenza umsebenzi wabe-AHF nzinyana. Kuphinde kubekho nempatho-gadalala yabazele uGawulayo kwiikliniki; bakhala ngoonontlalo nabongikazi ababaphatha kakubi.

Ukukhawulelana nalo mngeni, uKlatzinga uthe: “Thina kwa-AHF siqale inkqubo yokusebenzisa ulutsha; ukuze kubelula kulutsha olufuna uncedo. Siceba ukuqala le nkqubo yolutsha kwakulo nyaka kwiikliniki.”

I-AHF ngowona mbutho mkhulu ongenanzuzo kwicandelo leHIV/AIDS; banceda abantu abangama-720 000 kumazwe ngamazwe angama-39 afana nooMelika, Afrika, Yurophu nase-Asia.