Ulwaluko Lusematheni

Sibhala nje kukho oomama abatsarhwa ngamaxhala; abangazokulala obuhlayo de babe bayabuya oonyana babo eSuthwini.

Ewe, lelaxesha kwakho apho thina singamaphephandaba sigxekwa kanobom ngokubhala ngeemeko zabakhwetha. Siye sibuzwe ukuba kutheni singabhali ngala mawaka abakhwetha abathi babuye bephila? Kutheni sisoloko sibhala ngabambalwa ababhubhileyo?

Kutheni singakhe sibhale kakuhle ngeli siko? Kutheni sisohlulwa kukuchaza ukuba abona bakhwetha bangabuyiyo ngabaya basemaMpondweni? Iba luthotho lwemibuzo.

Impendulo ingakukuba xa izinto zihamba ngokufanelekileyo ayizondaba. Into xa isenzeka ngale ndlela bekumele ukuba yenzeka ngayo akukho ngxelo apho. Ayizondaba. Yenye yezinto esiye sibone ukuba norhulumente iyamxaka, xa amaphepha engabhali ngemisebenzi yakhe emihle.

Kungenxa yokuba umsebenzi lo bawenzayo bekumele ukuba wenziwa ngokufanelekileyo kakade. Ngoko ke ayizondaba xa isebe lezokuhlaliswa koluntu lisakha imizi, isebe lezekhaya likhupha izazisi zabantu, isebe lezemidlalo libamba imidlalo, njalo-njalo.

Iindaba ziye zibe yilo nto iphuma ecaleni. Into engaqhelekanga netsala umdla womfundi. Kubi ke ukuba isiko elo lolwaluko nalo lube kanti liqhutywa gwenxa kwezinye iindawo.

Njengephepha lesiXhosa besinokuthanda ukungabhali ngezinto zaseSuthwini; ziphelele pha. Konke kuhamba kakuhle. Babuye bephila. Kodwa kusekho imingeni efana neengcibi zomgunyathi kunye namakhankatha anxilela abakhwetha osogqiba bababethe, sakuqhuba sibhala.

Akho nenye into ebulalayo pha eSuthwini. Akukho nenye into ebethisayo pha. Kungenelele nje inkcubeko yasetrongweni nokunqaba kwamadoda do pha. Ukuba sifuna amadoda alungileyo kwakufuneka amadoda alungileyo aqale ukuxhaphaka pha kumabhuma.

Nokuba awazi nkwenkwe ingenileyo, yiya. Ukuba asiyi ‘oolova’ bona bazakuya, babafundise inkunkuma yodwa, baphume beleqana namabhinqa notywala – ngelithi oko bubudoda.