Ulwaluko luxanduva losapho, hayi urhulumente

ULWALUKO iyakuhlala iluxanduva losapho olo lunomkhwetha, hayi urhulumente.

Oku kuthethwe nguMamnkeli Ngam, isithethi sesebe loQhogelwano kubuRhulumente neMicimbi yeeNkosi eMpuma Koloni, ngethuba ephawula ngexesha lolwaluko lokuphela konyaka.

Namhlanje uMphathiswa weli sebe uFikile Xasa ekunye noSihlalo weNdlu yeeNkosi ephondweni uNkosi Mwelo Nonkonyana, bazakube bedibene eMthatha bexovula indlela eluqhube ngayo ulwaluko lweli xesha lokuphela konyaka.

Ngethuba sibhala eli nqaku ngenjikalanga yayizolo (uLwesithathu) bebelishumi elinesihlanu abakhwetha ababhubhileyo kweli phondo, apho ummandla wase-OR Tambo – oquka iMthatha, Sajonisi, Ngqeleni neLibode – ubuphala phambili ngokwamanani.

Abanye abakhwetha babhubhe kwiindawo ezifana ne-Alfred Nzo, Qonce, Alivani naseMbhashe.

UNgam uthi umba wolwaluko ufanele ukuba luxanduva losapho. “Usapho olunomkhwetha lulo ebekufanele ukuba luthabathela kulo uxanduva lokukhathalela umkhwetha kuba amagosa karhulumente asokuze afikelele kuzo zonke iilali zaseMpuma Koloni.

“Ewe siyazenza iinzame zokunqanda ukubhubha kwabakhwetha ezifana nokukhupha amagosa ethu kwanezixhobo kuquka nokumisa imithetho kodwa lo msebenzi sokuze siwenze sodwa,” utshilo uNgam.

Minyaka le zizigidi ngezigidi zeerandi ezikhutshwa ngurhulumente ukuzama ukunqanda ubhubhane.

Umthetho wokunqanda ukubhubha kwabakhwetha okanye intlonti ebakhwetheni, iCustomary Male Initiation Practise Bill, ubonwa ngabaninzi njengecebo lokulwa iingxaki zokubhubha kwabakhwethwa eMpuma Koloni.

“Ngalo mthetho sizama ukuvala imbubhane yabakhwetha eMpuma Koloni, ngoko sicela ukuba uthotyelwe,” kwabongoza uNonkonyana kwinqaku ebelipapashwe liphephandaba I’solezwe ekuqaleni kwalo nyaka.