Ulwaluko, ukunyuka kweCovid-19 kwanokuvalwa kwemigidi

IXESHA lolwaluko lwaphakathi enyakeni liyaqala ngokusesikweni ngomso (Lwesihlanu) kodwa yona imigidi ayivumelekanga xa amakhwenkwe ebuya esuthwini.

Urhulumente waseMpuma Koloni uphumeze ulwaluko emva kokungqubanisa iintloko, eqwalasele neCovid-19. Imihla esikelwe eli siko kukuqala ngoLwesihlanu (11 June) ukuya ngomhla wamashumi amathathu kwinyanga ezayo (30 July).

Ulwaluko alukhange luvunyelwe kwixesha lasebusika kunyaka ophelileyo.

Liyaqala ngale mpelaveki isiko lolwaluko eMpuma Koloni UMFANEKISO: Siegfried Modola/REUTERS

UMphathiswa weNtsebenziswano kuRhulumento kwaneMicimbi yeMveli eMpuma Koloni, uXolile Nqatha, uthi esi sigqibo sokuvunyelwa kolwaluko sithatyathwe kuqwalaselwe imimandla efana naseNelson Mandela Bay kwanaseSarah Baartman apho ulwaluko belungavumelekanga kwixesha lasehlotyeni.

Urhulumente waseMpuma Koloni ngoLwesibini ubhengeze ukuba lonyukile inani labantu abosuleleka yiCovid-19 ukusuka kuma821 ngomhla wama29 kuCanzibe ukuya kwi-1 310 ngomhla wesihlanu kule nyanga.

INkulubaphathiswa uOscar Mabuyane uthi eli nani lifunqukileyo liseNelson Mandela Bay, lilandelwe yiSarah Baartman kwaneBuffalo City.

UMabuyane uthi ngabantu abayi-139 abasesibhedlele ngenxa yeCovid-19 kweli phondo, apho abangamashumi amabini anesithandathu (26) kubo bekwigumbi labagula kakhulu (ICU).

“Sicela abantu bakuthi kwiphondo lonke bancendisane nathi banxibe izifonyo, baqelelane, bakhe behle nasekuzimaseni iziyunguma kuba ukufa kufikile. Ulonwabo alubaleki bantu bakuthi. Ukuvulwa kweziyunguma ngurhulumente, akuthi umntu makazimase iziyunguma,” utshilo uMabuyane kule veki.

Eminye yemigqaliselo eza kuqwalasela kweli xesha lolwaluko kukuhlolwa kwempilo neCovid-19 yamakhwenkwe aza koluka, ukuthotyelwa kwemiqathango yeCovid-19 emabhumeni, ukugonywa kwamakhankatha neengcibi, ukunyanzeliswa kwemithetho yeCovid-19 ngabezomthetho kwanokuthintelwa kwamabhuma angekho semthethweni.

Usihlalo weContralesa eMpuma Koloni, uNkosi Mwelo Nonkonyana, uthi kubalulekile ukuba abazali bamakhwenkwe aza koluka balandele yonke imithetho ukuqinisekisa ukuba kukho ukhuseleko kwabo basesuthwini.

Malunga nemigidi engavumelekanga, uNonkonyana uthe: “Sisathethana norhulumente ngelithi imigidi le mayiqhube kodwa phantsi kwemiqathango, kodwa ngenxa yalo msinga wesithathu wolosuleleko (Third Wave) sicela abantu bakuthi banyamezele.”