Ulwaphulo mthetho liqatsele kuCentane nakuGatyana

Isithethi samapolisa aseGcuwa, uKhapteni Jackson Manatha exhobisa abafundi besikolo samabanga aphantsi, iGaqa JSS kunye nabahlali bakuCentane ngolwaphulo mthetho. ngolwesihlanu. Umfanekiso: Anele Raziya

ABAFUNDI besikolo samabanga
aphantsi kuCentane, iGaqa JSS bayaphazamiseka kwizifundo zabo ngenxa
yamakhwenkwe welali angafundiyo nahlala ecaleni kwevenkile.

La makhwenkwe abizela
abafundi ngasevenkileni ukuba bayokuhlala khona nabo ndaweni yokuba baye
emagumbini wokufundela.
 Oku kuvele kwiphulo lokuxhobisa abahlali bale lali kwakunye nabafundi. 

Eli phulo beliququzelelwa licandelo lezokhuseleko e-Amathole kunye nenkonzo yesipolisa yeloMzantsi Afrika kwesi sithili, emva kokukrwecwa yinqununu yesikolo iGaqa JSS,
uBusiswa Ndingaye nobenomnqweno wokuxhotyiswa kwabahlali ngolwaphulo mthetho.

UNdingaye uthi abafundi bayakwazi ukuphuma esikolweni bayokuhlala ngasevenkileni ngeloxesha alikafiki
ixesha lokuphuma, kanti babizwa ngalamakhwenkwe angafundiyo.
 “Ngenye imini ootitshala bazama uyokuthatha abafundi ngasevenkileni, bakhutshelwa izikhali namazembe ngalamakhwenkwe, kodwa zange konzakale mntu,” uqhube watsho

Ukwathi amanye wala
makhwenkwe ayefudula efunda esikolweni kodwa aziyekela phakathi.

Isithethi samapolisa
aseGcuwa kwakunye neziphaluka,uKhapteni Jackson Manatha, uthi kufuneka abazali
baphakame baqale balwe ukuba iphele into yokulwa kwamakhwenkwe exabelana ngamazemba, ekwahlabana ngezikhali kuba esithi awahambelani nawenye ilali.

“Kwiveki ephelileyo
uBrigadiye Stanley Sibidla ongumphathi wamapolisa kule ngingqi yaseGcuwa ubambe
amazembe amaninzi wamakhwenkwe walapha kuCentane, into leyo ebonakalisa
ubugebenga,” uqhube watsho

Ukwathe imilo yamakhwenkwe eelali angahambelaniyo yinto embi kakhulu, nephuma nezidumbu ngakumbi ngexesha leemiguyo yenyanga yoMnga.

Ukwathe lixanduva labazali
ukuncendisana namapolisa ukulwa zonke ezinto zenzeke ekuhlaleni. UManatha ukwabongoze abahlali ukuba ngexesha leemigidi imibhiyozo mayivalwe ngentsimbi yesihlanu, kuba inegalelo kwinto yokubulawa nokudlwengulwa kwabantu.

Umhlali welali,
uNgenisile Mbunje uthi bakhe bathethana bengabazali bayilungisa lento yemilo,
kwaye emva koko yanqaba, kodwa wathi iyavuka ngooDisemba xa esoluka amakhwenkwe.

Noxa kunjalo uthi
bazakusebenzisana namapolisa ekulweni namanyathelo agwenxa ekuhlaleni.

UManejala wesebe
lezokhuseleko, e-Amathole uMiranda Sinqoto uthi ngumsebenzi wabo uqinisekisa
ukuba uluntu lukhuselekile,nto leyo eyenze ukuba balisabele ngokhawuleza
ikhwelo le nqununu. 
Uthi bazakusebenzisana nabahlali belali iGaqa uqinisekisa ukuba liyaphela ulwaphulo
mthetho kule ndawo.

Abazali kwakunye nenqununu
yesi sikolo bathi banethemba lokuba zizakunqaba iziganeko ezigwenxa
ekuhlaleni emva kokuba bexhotyisiwe.
 Iingxelo zakutsha zidize ulwaphulo mthetho oluqatseleyo kwiidolophu, uCentane noGatyana kummandla ophantsi kwamapolisa aseGcuwa.