Ulwaphulomthetho: Izikrelemnqa azizenzi

Yazi isithukuthezi lichibi likaSathana nyani. Ibe yingcingane yokuqala ethe qatha kusakuthiwa thaca amanani olwaphulomthetho kweli ngoLwesibini. Ayothusa! Kakhulu!

Ukuba sithi yonke imihla kubulawa abantu abangamashumi amahlanu anesixhenxe, kubi. Sakuhlala phi? Kuqhekezwa imizi, kudlwengulwa amakhwenkwe namantombazana, kuya le na le.

Kwaye uxanduva lubekwa emagxeni amapolisa. Kodwa xa siqaphela ezi ndawo sihlala kuzo kuqhelekile ukuba abo bophula umthetho ibe ngabantu esibaziyo.

Imizi ethengisa iziyobisi iyaziwa ngoomelwane. Amasela ayaziwa ekuhlaleni. Bonke aba bantu ngabantwana babantu. Kwaye iziganeko zokuphathana kakubi ziqatsele pha kwiilokishi. Phaya eNyanga, eKapa, kugcwele nje iindladiya zeendlavini. Awuziva ukhuselekile nasemini. Ngamasela atheni na la angoyiki nabantu? Ngabantwana boobani aba? Ngabantu abazizalayo? Ziinkedama?

Noko akuthethwa le nto; ingxaki ikhona kwaye isisombululo sayo sakuqala apha kuthi. Ingqeqesho yomzali makhe ibuye. Inani leendawo ezithengisa utywala kufuneka zincitshiswe mpela kwaye zivale xa litshona ilanga.

Imizi okanye abantu abaziwayo ukuba bathengisa iziyobisi bona kufuneka bayokuxelwa emapoliseni, babanjwe. Noko, okukuzilawula nokuyeka iimeko zide zibe nje ayonto inokwamkeleka. Umntwana kufuneka azazi ukuba ungumntwana kwaye kufuneka ngamaxesha esikolo abe kanti naye usesikolweni.

Akukho mntwana bekumele ukuba ulengalenga ezivenkileni nasesitratweni emini. Kwabo badala, bekumele ukuba urhulumente angenelele ngokubavulela iikholeji apho bahlala khona, okanye amaziko nje amancinci okuphuhlisa izakhono. Le yokuba sibukele abantu bebhuqwa sisithukuthezi ayamkelekanga.

Okokugqibela kumba wolwaphulomthetho kwiindawo esihlala kuzo; kufuneka siyazi ukuba bakho nabo bangaphilanga ncam ngokwengqondo.

Le nto yokuthi “hayi suka ligeza eliya” okanye siyeke abantu abangaphilanga babhadule phakathi kwabantwana bethu iza kubuya ngathi. Masibafunele uncedo.

Imbali yethu inzulu, ibuhlungu, kwaye kukho ababethakala kakhulu. Noko, ezi ngxaki zifuna sonke siphakame sincedise.