‘Ulwazi olungelulo’: UMzantsi Afrika uphendula uTrump noMusk

UDonald Trump noElon Musk. Umfanekiso: Andrew Harnik/Getty Images

Urhulumente woMzantsi Afrika uphendule ngokukhaba “ulwazi olungelulo” olwasasazwa nguMongameli waseMelika uDonald Trump nesigwili uElon Musk malunga nemigaqo-nkqubo yoMzantsi Afrika yokubuyiselwa komhlaba.

UTrump noMusk babangele umsindo kubantu abaninzi ngokubhala kumakhasi onxibelelwano betyhola urhulumente woMzantsi Afrika “ngokuthimba” umhlaba kunye nokuqhubeka nemithetho yobunini enobuhlanga.

UTrump ubhale kwikhasi lakhe lonxibelelwano uX wathi: “UMzantsi Afrika wohlutha umhlaba kwaye uphatha iindidi ezithile zabantu kakubi kakhulu. Yimeko embi amajelo eendaba aneepolitiki ezisekhohlo (left-wing) angafuniyo ukuyikhankanya. IMelika ayizukuyimela loo nto, siza kujongana nayo. Ndiza kumisa yonke inkxaso-mali eya eMzantsi Afrika de kugqitywe uphando olupheleleyo ngale meko.”

UMusk okhokela isebe likaTrump lokusebenza kakuhle kurhulumente, owazalelwa ePitoli, naye ugadlele kwikhasi lakhe likaX wathi uMzantsi Afrika “unemithetho yobunini enobuhlanga.”

Isithethi sikaMongameli uCyril Ramaphosa, uVincent Magwenya, uwachaze amabango “njengangafanelekanga” kunye “nagqwethwa ngabom” nawenziwa yimibutho enenkolelo yezopolitiko ezisekunene (right-wing).

“UMzantsi Afrika lilizwe elinomgaqo-siseko wentando yesininzi elizinze nzulu kulawulo lomthetho, ubulungisa kunye nokulingana. Urhulumente woMzantsi Afrika akazange ahluthe umhlaba,” utshilo uMagwenya.

“Sisebenza ukukhaba olo lwazi lungachanekanga, nokuba zingaphi na iingxogxo eziya kufuneka,” utshilo uMagwenya.

Nangona kukho ukungavisisani, uMagwenya uthe iMelika ihleli ilihlakani elibalulekileyo loMzantsi Afrika.

Le ngxwabangxwaba iza emva kokuba uTrump ebhengeze ukuba uza kunqumamisa inkqubo yezempilo yehlabathi kaMongameli iEmergency Plan for AIDS Relief (PEPFAR).

UMzantsi Afrika uxhamle kule nkqubo ukusukela oko yasekwayo kwiminyaka engamashumi amabini eyadlulayo kwaye abantu abaphantse babe zizigidi ezingamashumi amabini kwihlabathi jikelele baxhomekeke kule nkqubo ukuze bafumane amayeza.

Noxa kunjalo, uMagwenya uyijongele phantsi ifuthe lokunqunyanyiswa kwale nkqubo, esithi urhulumente sele esebenza ngokufuna ezinye iindlela zokuxhasa le nkqubo.

Ukruthakruthwano kwala mazwe kukwadale inkxalabo malunga nefuthe elinokubakho kubudlelwane borhwebo boMzantsi Afrika neMelika, ingakumbi inkqubo iAfrican Growth and Opportunity Act (Agoa).

Ukufakwa koMzantsi Afrika phantsi kwale nkqubo kubangele ukuba bajongwe ngendlela egxekwayo ngenxa yeembono zabo ngoSirayeli nobudlelwane obusondeleyo neRussia.

Ilizwe loMzantsi Afrika lelona lifumana uncedo olukhulu kwiAgoa, inkqubo ebonelela amazwe afanelekileyo aseAfrika kwisub-Saharan ukuba afikelela simahla kwiimveliso zemarike yaseMelika ezingaphezu kwe1,800.

Nangona kunjalo, uMagwenya uthe inkqubo yeAgoa ayikho emngciphekweni.

“Akufuneki sixube urhwebo noncedo, zizinto ezimbini ezihluke kakhulu. Ngokubhekiselele kuncedo, akukho nkxaso-mali yimbi esiyifumana eMelika ngaphandle kwePEPFAR. iPEPFAR sele inqunyanyisiwe, kwaye umsebenzi sele uqalile malunga nokuba kufuneka silungise phi na ukuze sivale lo msantsa,” utshilo uMagwenya.

Ephendula uMphathiswa wezoBudlelwane baMazwe ngaMazwe neNtsebenziswano uRonald Lamola uthe lo mthetho wokubuyiselwa komhlaba ekuthethwa ngawo awukho eMzantsi Afrika kuphela.

“Iindawo ezininzi zehlabathi zinemithetho yokubuyiselwa komhlaba esetyenziselwa iimfuno zoluntu … IMelika neBritani zinemithetho enjalo ngokwazo. Sijonge ekuthetheni noogxa bethu ngokunzulu ukuze baqonde lo mthetho,” utshilo uLamola.

IOL