INDLELA amthanda ngayo unomathotholo nosasazo imenze ukuba anikwe ingqwalasela njengomnye wabantu abaselula nabanekamva eliqaqambileyo kwezosasazo.
ULwazi Mpofu, 26, uphakathi kweqela loontanga bakhe abazakube bewongwa njengee “Bright Stars” kumawonga kanomathotholo iLiberty Radio Awards.
Oku kuthetha ukuba ikamva likaLwazi liqaqambile kwiqonga lezosasazo.
Encokolela I’solezwe ngeli wonga, uLwazi: “Liwonga elikhulu kum ukufumana le mbasa. Ndingomnye phakathi kwabasibhozo abaselula abathe banethamsanqa lokutyunjelwa le ndebe.”
ULwazi ngumqulunqi wenkqubo yetrufm iAfter Hours kwakunye neenkqubo-mbaliso zesa sikhululo. Uzalelwe kwilokishi yaseDimbaza waze wakhulela eMonti kwiMpuma Koloni.
Waluthanda usasazo eseneshumi elinanye (11) leminyaka, kwaye wayembona unomathotholo njengesixhobo sokuchitha isithukuthezi.
“Apho bendikhulela khona bekungekho bantwana bokudlala, udade wethu nomkhuluwa wam bebefunda eRhawutini, umama yena ephangela, ngeempelaveki bendishiyeka ndodwa – ndingatsho ndithi unomathotholo ebendinceda ukuchitha isizungu,” kubalisa uLwazi.
Olu thando lwakhe lunzulu ngonomathotholo lwamenza wazibhaqa sele ekumnyango weCKI FM yalo maxesha (esele iyi-trufm ngoku).
“Kwakukhangelwa abantu abazokufunda imibongo kumcimbi owawuzokubakho. Iijaji ngalo mini yayinguNada Wotshela owayengumphathi-sikhululo ngoko, uThobeka Buswana owayengumphathi-nkqubo bekunye noLungelo ‘Trusenz’ Nzama ongumsasazi.”
ULwazi uthi ilishwa lethamsanqa kukungaluphumeleli olo khuphiswano lwalo mini. “Ndakube ndingakhange ndiphumelele olo khuphiswano, uTrusenz wandicela ukuba ndibe negalelo kwinkqubo awayeyiqulunqa ngoko ebizwa iTeens Unplugged, nalapho ndaye ndenza iindaba ezingoosaziwayo – ndaze kamva nam ndangumqulunqi waloo nkqubo.”
ULwazi, sele enezidanga kwizifundo zobuntatheli (BA Media and Communication, Honours in Media) zidanga ezo awazenza kwiYunivesithi yaseNMMU eBhayi, nekungoku nje sele esenza iiMasters in Journalism kwiYunivesithi yaseStellenbosch.
Uthi luyamvuyisa utshintsho oluze nobuchwepheshe kunomathotholo. “Kudala sasikade sithumela imiyalezo yeeleta kubasasazi kodwa ngoku sinooTwitter, ooWhatsApp nooFacebook bokwenza njalo. Sincokola nomsasazi esemoyeni. Oku kukwaqinisekisa ukuba abasasazi bahlala benxulumene nabaphulaphuli babo,” utsho.
Uthi unqwenela ukushiya umzila kwikhondo lezosasazo. ULwazi uzakube ewongwa kwiLiberty Radio Awards kumsitho ozakubanjwa nge-22 kuTshazimpuzi eSandton Convention Centre. Kwaye nguye yedwa ophuma kwizikhululo zeSABC nophuma kwiphondo leMpuma Koloni ozakuwongwa ngolu hlobo lwembasa.
Bangaphaya kwama-450 abasasazi, abaqulunqi, iinkqubo nezikhululo esele zizifumanele kula mawonga kususela oko aqalwa ngo-2010, nalapho ayesaziwa njengeMTN Radio Awards ngoko.
UNdlozi ubhengezwe njengomsasazi omtsha wePower FM