Umabonakude wam undixakile

Ndikhule kungekho mzi unomabonakude kuJusefu, kuNgcengane ngokubanzi. Ukuqala kwam ukubona into ekumila kunjalo yaba yibhanyabhanya asasiyiphathelwe ngubawo uGova owayeyinqununu yesikolo sethu i-Enkalweni Junior Secondary. Yadlaliswa eludongeni kwiholo yesikolo, ngombane wenjini yamafutha.

Ummangaliso esabanawo yiloo nto ngongathethekiyo. Ndisayazi nangoku into esayibukeliswa apho. Yayingumlo wamadoda aneedyasi ezimnyama ekwathiwa ziininja, esilwa ngeesabile. Nomdlali ophambili ndisamazi.

Ngosuku olulandelayo savukela eholweni ukuya kukhangela umonakalo ongaba wenzekile kudonga lweholo yiloo ngqushu yomlo esasiyibukele ngephezelo. Isikolo sasakhiwe ngodaka, sasixhalabele ukuba kuthi kanti udonga luvuleke iintanda nemikrwelo emibi ke ngoko.

Sasiphume sibunxila bobo bubhanyabhanya, amehlo esiphambanela, sileqa nokuya kuphutha imfuyo, ze asabi nako ukuhlola kwangelo xesha ekungaba kwenzekile eludongeni. Samangalisa sabamba ongezantsi xa sifika udonga lungenawo nomkrwelo ekuthiwa udalwe ziisabile ebekusiliwa ngazo. Owesibini umboniso webhanyabhanya nowaba ngowokugqibela kwelo xesha lethu yaba ngowomdlalo kaShake Spear, umbhali wodumo wasemaNgesini!

Ekuhambeni kwemihla ke, sele kumbovu nokuba saluke. Kubekho umzi wasemaYirheni eNkukhunxaniwe, isithilana samakhumsha akowethu, esaba nomabonakude nowawuyibonisa mhlophe namnyama yonke imibala, ekwadlaliswa ngenjini. Sasingungelana apho ke ngamaxesha athile nangorhatya ukuya kubukela. Sasingakhathali nokuba kudlala ntoni na, sasikholiswa nje kukubukela umabonakude. NoYirha lowo ke wayeyindoda enobubele kakhulu, elincamela ulutsha inqugwala lakhe ngaloo maxesha.

Umntu endinguye ubemele kuyiwela ke iTV akudibana nayo, ingakumbi kungekabikho namzi unayo phaya kuJusefu unanamhla oku; naphaya ekhaya ayikho. Okunene ndiyiwele ndakufika ezidolophini.

Kodwa ngoku sendibukela iindaba nezemidlalo kuphela. Eyona nto indibhuqayo nese indenze ndifune ukumthwala ndiye kumjula ezindongeni umabonakude wam ngamanyala owavezayo. Phantse yonke imidlalo neefilimu, kuwo oshumi amajelo eTV, inamanyala atsho kulumeze ukuba uhleli nabantwana.

Abantwana bethu ke abanyali ukuyolula ibe ngangeyendlulamthi intamo, amehlo bawakhuphe abe ziingqanda, bebukele loo manyala ngomdlakazi. Uthi wakuthi malitshintshwe elo jelo ufike nakwelinye kukwanjalo, kubhuqwana ngabantu bebadala phambi kwezihlwele, iintloni bengazazi nokuba yinto yokwenzani. Iintloni abantu bethivi bayazithengisa. Nokuba ungathi makame ngaze phambi kwezihlwele umfote, ukuba uza umhlawula akaboni bugwenxa.

Ngokudinwa kukumana ndisithi makutshintshwe ijelo nakukuphoxeka kolo tshintsho, sele ndakhetha ukungayibukeli iTV. Zimbini phaya endlwini, enye kwicala lokuphumla enye kwigumbi lokulala.

Ndibukela le ikwigumbi lokulala, ndiwagqibe onke amajelo ndikhetha aneendaba ngamaxeso ohlukeneyo. Akukhathaliseki nokuba zingolwimi endingaluvayo na, kuba kaloku kuphela kwento endinokuyibukela, nemidlalo ngeempelaveki. Kungenjalo ndivule unomathotholo. Imingqandandana yeenkqubo ezibukelekayo andiwazi amaxesha azo, ziyandiphosa. Sekwatshabha kwanto yethivi kaloku kum.

Sele ndilelo kheswa ke endlwini phaya. Iisofa zam ndizihlala manqaphanqapha kuba ndibaleka ezi zinto zibukelwa ethivini, ingakumbi xa kukho abantwana.

Abantwana xa bendikhumbula bayandicela ngexesha leendaba ukuba ndizozibukelela apho egumbini lokuphumla kunye nabo, nditsho ndifumane nexesha losapho ke. Zakuphela iindaba ndityatha umrhajana wam endiwubeka emadolweni ndisinge kwigumbi lokulala, ndishiye abantwana nonina babukele izinto zabo zeTV.

Wumbi wothi kutheni ndingawisi umthetho ngezinto emazibukelwe nemazingabukelwa. Nantsika! Ayisebenzi loo nto, ndiyizame andinabhongo! Okunye ke andisoloko ndisendlwini ukuba lipolisa laloo mthetho! Mhlawumi owona unokusebenza kukuba kulahlwe kwala TV, ingabikho.

Inene ndazikhanda ngenyek’ etyeni; ukuthenga into ndisithi yeyokuzonwabisa kanti ndzicandel’ umgalagala! Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba