UMabuyane ucela abana-60, bangayi ePasikeni

INKULUBAPHATHISWA yaseMpuma Koloni uOscar Mabuyane ubongoza abo baneminyaka engamashumi amathandathu nangaphaya ukuba bangazizimasi iinkonzo zePasika kule mpelaveki siya kuyo ukuzikhusela kwiCovid-19.

“Ndiyafuna ukwenza isicelo ngokukhulu ukuzithoba, nangentlonipho kubemmi bephondo lethu abaneminyaka engamashumi amathandathu unyuka. Bazali bam, le ntsholongwane ithatha kakhulu ontanga benu ukusukela oko iqalile kunyaka ophelileyo.

“Siyacela ninyamezele ukuhlala ezindlini zenu, kuba lonto izakunisindisa ekufeni. Izinto enifuna ukuya kuzo ezifana neenkonzo zePasika nizozifumana xa iphelile le ntsholongwane.

“Ndicela niphoswe kulo nyaka bazali bam nihlale emizini yenu. Sisanidinga kulo mhlaba nisinqwanqwade xa siphuma endleleni, nivuyisane nathi naxa senze okuhle,” utshilo uMabuyane.

Malunga nomsinga wesithathu (third wave) weCovid-19 ekulunyukiswa ngawo, uMabuyane uthe: “Sime kakuhle kakhulu ngasemayezeni, sime kakuhle kubuxhakaxhaka bokuncendisa ukuphefumla kwezigulana, ukanti nePPE (izixhobo zokukhusela intsholongwane) sinayo ngokwaneleyo neebhedi sizongezile kwizibhedlele zethu ezininzi.