UMabuyane ufuna iimpendulo ngokugqwaliswa kwephondo

INkulubaphathiswa uOscar Mabuyane uthi ufuna iimpendulo ngesehlo sokulahlwa kwezixhobo zokuvavanyela iKhorona

INKULUBAPHATHISWA uOscar Mabuyane uthi izixhobo ezineenkcukacha zabantu abavavanyelwe intsholongwane yeKhorona, ezifunyenwe zilahlwe ngakuN2 ngaseMdantsane, yinto egqwalisa urhulumente futhi kuza kufuneka kuphendule umntu ngayo.


“Akukho mntu onokuze ayithande la nto. Yiyo le nto ndima apha egameni likarhulumente, noba nguNational Health Laboratory Service, ukuze sicele uxolo ngesa sehlo senzekileyo.

“Yinto egwenxa leya futhi ayamkelekanga. La nto ijongela phantsi isidima sabantu bakuthi. Kuza kufuneka kuphendule umntu kuba le nto igqwalisa urhulumente waseMpuma Koloni,” utshilo uMabuyane ethetha neentatheli eBhisho ngoLwesibini.

Ezi zixhobo, nezineembolo zezazisi zabo bavavanyele le ntsholongwane, zifunyenwe ngumntu obezilolonga. Ezinye zazo zifakwe kumaqonga onxibelelwano naloo magama wabantu abavavanyele intsholongwane yeKhorona.

UMphathiswa wezeMpilo ephondweni uSindiswa Gomba uthi ezi zixhobo asiloxanduva lweSebe lezeMpilo koko leleNational Health Laboratory Service.

UMabuyane ukhalimele ukufakwa kwezi nkcukacha kumaqonga ezonxibelelwano esithi oko “kubonakalisa uluntu olugulayo”.

“Akukho mntu osesimeni, onokuthi xa ebona into enjeya ayifake kumaqonga onxibelelwano eyazi ukuba ziinkcukacha zabantu,” kutsho uMabuyane.

“[Namhlanje] siphila kwixesha apho wonke umntu efuna ukuba yintatheli. Abantu mabathabathe uxanduva ngesidima somntu. Siyabacela abantu bakuthi bahloniphe amalungelo wabanye abantu.


“Siyayikhalimela la nto yenzeke phaya, yokulahlwa kweenkcukacha zabantu. Sifuna impendulo ecacileyo yokuba le nkampani yokuthutha iipasele (courier), ebisuka kuKomani, yaya eBhisho, yaya eMonti, isingise eBhayi, ivulwe yintoni, xa bekutheni? Ibonakalisa ukungakhathali la nto,” utshilo uMabuyane.