UMabuyane ukhweba isithebe sengxoxo ngobuKumkani bamaBhaca

INkulubaphathiswa uOscar Mabuyane ukhwebe amaBhaca kwisithebe sengxoxo ukuze kuxoxwe ngobuKumkani besi sizwe.

Ebethetha ngoLwesibini koMkhulu eLundzini kwaBhaca ngethuba kungcwatywa uNkosi Madzikane II Thandisizwe Diko (42).

Kunyaka ophelileyo zikhe zaqaqamba nangakumbi iingxoxo ngendlu yamaBhaca, bambi bephikisa besithi ayinabukumkani abanye besithi inabo. Uninzi bebephikisana noDiko besithi akayokumkani logama yena neqela elithile kwesa sizwe bebemile ngelithi uDiko yiKumkani yamaBhaca.

“Umhlekazi (Diko) ke usishiya ngexesha apho ndinothi sikumathafa aseDamasko, ngexesha ilizwe nesizwe sishukuma ukuzama ukumilisela iintsika zoluntu nokwakha amakhaya azinzileyo, ukuze kuzinze ukuhlala. Ukuhlala okuzinzileyo kuzinzisa ilizwe, singabinayo le mpithizelo siyibonayo yokuthi kukhanyiswa isibane abanye babe besicima,” utshilo uMabuyane emngcwabeni kaDiko.

“Ndiyafuna ke amaBhaca ukunimema, ukuze siyilungise le nto. Zizizwe ezichonga iinkosi neekumkani zazo. Urhulumente nje yena uye agxininise ngokushicilela. Ayingorhulumente ochonga iinkosi neekumkani.

“Ndiyafuna ke maBhaca sihlaleni phantsi ngokukhawuleza, kungabane kusithiwa hayi yiKumkani yamaBhaca. Xa iyiKumkani yamaBhaca mayibeyiKumkani eyaziwa lilizwe lethu sonke, sivumelane ngalo nto. Urhulumente akanoyiphikisa lo nto. Sigqiba kubeka iKumkani yamaMpondomise apha kufutshane nale ndawo, into ebonakalisa ukuba urhulumente akangomqobo endleleni yezizwe.

“Ngoko ke ndifuna ukwenza eso simemo njengeNkulubaphathiswa yephondo kuni maBhaca. Kungelishwa ke lo nto kuba siyithetha siphezu kwebhokisi yomntwan’enkosi ngokwakhe, kodwa ke akuthethi ukuba kuphele isizwe samaBhaca ngokulala kwakhe,” utshilo uMabuyane.

Ukuba urhulumente uyabugunyazisa ubukumkani bamaBhaca oko kwakuthetha ukuba zisibhozo iikumkani zaseMpuma Koloni. Ezikhoyo ngoku yiKumkani yamaMpondo, eyaMpondo aseNyandeni, eyamaMpondomise, eyabaThembu, eyabaThembu baseRhode, eyamaXhosa neyamaRharhabe.

Ezinye izizwe ezikhoyo ezingenabukumkani bugunyazisiweyo kweli phondo ngamaBomvana, amaMfengu, amaHlubi namaKhoi.