INKULUBAPHATHISWA yaseMpuma Koloni uOscar Mabuyane unexhala lokuba izaphulimthetho zokwenyani ezibe imali yabarhafi zingaphuncula emthethweni ngenxa “yokungagqibeleli” kukaMkhuseli woLuntu uAdv Busisiwe Mkhwebane.
Oku kuthethwe ngomele uMabuyane, uAdv Tembeka Ngcukaitobi SC, kwinkundla ephakamileyo eBhisho ngentsasa yangoLwesibini ngethuba kumanyelwe isicelo sikaMabuyane noMphathiswa wemiSebenzi yoLuntu uBabalo Madikizela, abebefuna ukuba kunqunyanyiswe ukuthatyathelwa amanyathelo ngakubo ngabasemagunyeni emva kwezindululo eziqulathwe kwingxelo kaMkhwebane.
Ingxelo kaMkhwebane ifumanise ukuba uMabuyane noMadikizela baxhamla “ngokungafanelekanga” kwimali yabarhafi yomasipala waseMbizana apho uMabuyane, ngokwengxelo kaMkhwebane, waxhamla iR450 000 ze uMadikizela waxhamla iR350 000. Esi sibini siyakuphika oku, besithi babenesivumelwano sokubolekana imali nalapho uMabuyane sele wayihlawula lo R450 000 wayeyiboleke kuMadikizela.
Enkundleni, uNgcukaitobi uthe: “Xa kukho into engahambi kakuhle mayelana nemali yabarhafi, wonke ubani kufuneka axhalabe. Ingxaki emandla, kukuba uMkhuseli woLuntu ubonakalise ukungagqibeleli kwanokuba neenjongo ezingaqondakaliyo, yiyo le nto kubalulekile ukuba uhlolwe nangakumbi umsebenzi owenziwa yiOfisi yoMkhuseli woLuntu.”
UNgcukaitobi uthi umntu okwibakala lala msebenzi kaMkhwebane ufanele ukuba ngumntu okwizinga lejaji
“Yhiyo lo nto umntu okwesa sikhundla kufuneka aqamele ngeentsika zomthetho. Ingxaki apha kukuba izaphulimthetho zokwenyani zingaphuncula emthethweni xa zithe zaba imali yabarhafi ngenxa yokungagqibeleli kukaMkhuseli woLuntu. Leyo yeyona nto exhalabise kakhulu endimmeleyo (Mabuyane),” utshilo uNgcukaitobi.
UJaji Rossan Kruger unqwale intloko kwisiphakamiso sabammeli bakaMabuyane noMadikizela sokuba makunqunyanyiswe ukuthatyathelwa amanyathelo ngakwesi sibini de kubekanti kumanyelwe isicelo sokuba ichithwe ngokupheleleyo le ngxelo kaMkhwebane.
UMkhwebane akakhange asiphikise isigaba sokuqala sesicelo senkundla sokunqunyanyiswa kwezindululo zokuba makuthatyathwe amanyathelo ngakuMabuyane noMadikizela, utshilo osisithethi seOfisi woMkhuseli woLuntu, uOupa Segalwe.
USegalwe uthi xa kufika isigaba sesibini senkqubo yenkundla baza kusiphikisa isicelo sikaMabuyane noMadikizela sokuba mayichithwe ngokupheleleyo le ngxelo.
UKumkani uMisuzulu uwurhoxisile umtshato wakhe wesintu