UMabuyane uxhalabile luludwe lwenkamnkam

EMakhanda bekugcwele kuzo zonke iindawo ekwamkelwa kuzo imali yesibonelelo karhulumenteUmfanekiso BHEKI RADEBE

InkuluBAPHATHISWA yephondo leMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, uthi ziyamxhalabisa iintshukumo ezenzeka kweli phondo ingakumbi ngeentsuku zendodla.

Uthi le ntsholongwane ehlasela ihlabathi ebizwa ngokuba yiCovid-19 iza kufumana ithuba lokuba inwenwe ngenxa yabantu abahambahambayo.

Ebethetha ngoMvulo wale veki eBisho, ngethuba abaphathiswa bephondo bebambe indibano kwakunye noonondaba. UMabuyane ukuthethe oku ngenxa yemigca emide ebingalawuleki ezibhankini ngoMvulo, usuku belubekelwe abantu abadala ekubeni bafumane imali yabo yendodla.

Uthi ayipheli imali xa ifakiwe ebhankini ihlala ikhona, okwaziyo ukulinda abokulinda iintsuku kwehle ukugcwala.

“Ngenene siyayazi ukuba abantu balambile kwaye awunokuhlala endlini kungekho nto yokutya. Kodwa okwaziyo ukulinda angalinda kuba le ntsholongwane ihamba nomntu, nto leyo ingabangela usulelwano,” utshilo uMabuyane.

Uthi eli phondo zange liyeke ukuzenza iintshukumo isaqala iLockdown ngomhla wamashumi amabini anesithandathu kweyoKwindla.

“Imbi kwaye inzima into yokuba kuthwe makubizwe amapolisa namajoni kubantu ebekufanele bayayayiqonda into yokuba sisemfazweni kwaye kuliwa notshaba olungaziwayo lweCovid-19.

“Siyanicela nihlale ezindlini. Ukuba uluntu lwaluye lwamamela kwaye lwanyamezela sisaqala iLockdown, ngesingekho kweli nani sikulo ngoku,” ivale ngelo iNkulubaphathiswa.

Phantse zonke iidolophu zeli phondo ezifana noMthatha, Dutywa, Gcuwa, Zwelitsha, Mdantsane neMakhanda ngezi ntsuku zendodla ibingathi ziintsuku zesiqhelo phambi kokuba kubekho esi sifo, ngenxa yokugcwala nosondelelwano. Kudederhu lweevenkile eMdantsane kuhlangule amagosa oMasipala oMbaxa iBuffalo City yabe iyinyambalala yabantu bedele naloo mvula.