UMphathiswa wezeMali noPhuhliso lwezoQoqosho eMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, uthi uza kusebenza nzima ngeenjongo zokwenza utshintsho kwisikolo samabanga aphezulu iZwelixolile eTsomo.
UMabuyane ebetyelele kwesi sikolo kule veki, phantsi kwenkqubo karhulumente wephondo yokutyelela izikolo ingakumbi ezo zitsala nzima.
Kwesi sikolo, uMabuyane uve ukuba kukho abafundi abalikhulu elinesibini, inani elincinane ngokwemigaqo-nkqubo yeSebe lezeMfundo.
Ngenxa yoku, iZwelixolile ibisecicini lokuvalwa lisebe lezemfundo, ukuze kuthathwe abafundi basiwe kwizikolo ezikufutshane.
Iingxaki ezijongene nesi sikolo ziquka ukunqongophala kootitshala bezibalo, ukusilela kwesikhokelo solawulo, ukunqongophala kwemigangatho kwanokungabikho kwenqwelomafutha yokuthutha abafundi abahlala kude.
Ngenxa yoku, uMabuyane usithathele ngakuye esi sikolo. “Ukuthathela ngakum esi sikolo asilogugu, nje koko sisiqalo somsebenzi ojoliswe kwiziphumlo wokusebenzisana nesikhokelo sesikolo, ootitshala, ibhodi elawula isikolo, isebe lezemfundo kwanoluntu ukuqinisekisa ukuba ukufunda nokufundisa kwenziwa ngokwemigaqo,” utsho uMabuyane.
Unobhala webhodi elawula esi sikolo uNomvuyo Tshangana uthi ingxaki yesi sikolo kukuba abanye babazali babefuna sivalwe ngenxa yomgangatho waso wokufundisa.
“Siza kucela ootitshala ukuba baqwalasele izikhalazo zabazali, kuphuculwe umgangatho wokufunda nokufundisa. Lo nto iza kubangela ukuba abazali bazise abantwana babo kwakhona.”
Kubanjwe abarhanelwa abangama84 kwisithili saseSarah Baartman