UMacpherson umqhwabele izandla uGodongwana

UDean Macpherson onguMphathiswa wesebe lesimisebenzi yoluntu.

UMphathiswa wesebe lesimisebenzi yoluntu, uDean Macpherson, uyiqhwabele izandla intetho yohlahlo lwabiwo mali yesiqingatha sonyaka eyenziwe nguMphathiswa wezemali kweli, uEnoch Godongwana. UMacpherson uthi le ntetho iqulethe ithemba ngokukodwa kwiinkqubo zokuphuhliswa kweziseko zoluntu kuzwelonke.

“Indlela acwangcise ngayo izakwenza ukuba ngenene iinkqubo zokuphuhliswa kweziseko zoluntu iqine iqhubele phambili, ilizwe loMzantsi Afrika liza kuba liziko lokusetyenzwa kweziseko zoluntu,” kutsho uMacpherson.

Uqhwabele izandla lo Mphathiswa kwakunye namasekela akhe, uDavid Masondo kwakunye noAshor Sarupen. “Okona kusivuyisa kakhulu kukuba uMphathiswa ugalele imali ezakwenza ukuba ziqhubele phambili iinkqubo zokuvuselelwa kweziseko zoluntu,” uhambisa atsho uMacpherson.

Imibutho equka iEconomic Freedom Fighters (EFF) iyigxekile intetho kaGodongwana ngelithi yimbudane engathethi nto.

“Umsebenzi ozakwenzeka ngenxa yolu hlahlo lwabiwo mali uzakwenza umahluko ocacileyo ezimpilweni zoluntu loMzantsi Afrika, logama uqhubeka ukuvuselela iziseko zentlalo yoluntu,’’ uncome watsho uMacpherson.

UMacpherson uthembisa ngokwenza inguqu kwindlela elisebenza ngayo eli sebe ukuze kugqithiswe iinkonzo eluntwini ngokukhawuleza.

“Abantu abasebenza phantsi kwale nkqubo ye-EPWP kufuneka banikwe izakhono ezizizo ukuze baxhobe ngezakhono ezifanelekileyo, ngoko ke kufuneka utshintsho nakanjani,” kutsho uMacpherson.