UMadikizela ubonisa ubunkokeli bangomso kumabonakude

Thobani Eddie Madikizela

INZALELWANE yaseMbizana eMpuma Koloni, uThobani Eddie Madikizela, ongomnye wabatsha abaxovul’ imib’ etshis’ ibunzi kwinkqubo kamabonakude, iOne Day Leader, uthi ukuthetha esidlangalaleni nokuxoxa kuqala ngokufunda iincwadi ezininzi kwaye ujonge neendaba.

Eli tyendyana liphakathi kwabo babambe indawo ephezulu kwiingxoxo zolutsha kwiOne Day Leader.

UMadikizela, owazalelwa kwaKhanyayo eMbizana, waze wakhulela kwaGqathula eLusikisiki, uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba kuqala wayengakuthandi ukuzifaka kwiingxoxompikiswano, de utitshala wakhe kwaGrade 11 wamkhuthaza.

Ukholelwa ukuba ukufunda iincwadi nokujonga iindaba, kulola isakhono somntu sokusebenzisa amagama kwaye kuxandise nolwazi kwimiba eyohlukeneyo.

“Ekuhambeni kwexesha uye ukwazi ukungena kwimiba yengxoxo,” kuphawula uMadikizela.

“Ndandingakuthandi ukuxoxa de utitshala wam wakwaGrade 11 wandifaka phakathi kwezengxoxo, ukususela ngoko zange ndiphinde ndibuy’ umva.”

Akube uMadikizela engene eWalter Sisulu University (WSU) waye wangena ngamandla kwezengxoxo nokuthetha esidlangalaleni, ethabatha inxaxheba kumaqonga engxoxompikiswano kweli nakumazwe asebumelwaneni.

“Kunyaka ka2014 ndandithabatha inxaxheba kwisithebe seengxoxo eBotswana. Unyaka wam owaba ngcono yayingu2016 ngethuba ndiseCPUT, apho ndajika kumagqibela kankqoyi weSA University Debate Championships. Ngo2017 kwiUJ SA Nationals, nalapho ndajika kumagqibela kankqoyi nakwiTop 10 yezithethi eziphambili eMzantsi Afrika,” kubalisa uMadikizela.

Ngenxa yokuzimisela kwakhe ekuthatheni inxaxheba kwiingxoxo ezinikis’ umdla, uphumelele iindondo eziliqela zokuxoxa nezokubonisa ubunkokheli eWSU.

“Ngo2018 ndaxoxa eCPUT ndade ndafikelela ekugqibeleni, ze eDUT ndasisithethi esingcono kwezintlanu.”

UMadikizela ufunde iDiploma kwiMechanical Engineering eWSU phakathi kuka2014 no2017.

Uthi itshomi yakhe yamkhuthaza ukuba afake isicelo sokuthatha inxaxheba kwiOne Day Leader, wenza njalo. Uthi ngoDisemba waye wafumana imbalelwano ethi makathumele ividiyo ecacisayo ukuba angalitshintsha njani ilizwe, kwaye ukubona njani ukungalingani (inequality).

“Emva kweveki ndafumana isimemo sokuya eRhawutini kwiingxoxo zabangama30, emva kweeveki ezimbalwa kwathiwa ndingenile kwiTop 20 neyayisisiqendu sokuqala senkqubo.

UMadikizela uthi kule nkqubo bacubungula imiba yezoqoqosho, ezentlalo nemiba yepolitiki yelizwe.

Uthi ebekhe wangena nakwingxoxo engemikhono yekati, ethi ingaba kulungile na abemi beli bavunyelwe babenemipu. Uthi omnye umxholo ububuza ukuba imali yesibonelelo sikarhulumente sisisombululo esingcono na kwiingxaki zethu.

Uthi ngeli xa abanye abantu bezithandela ezemidlalo nomculo, yena uthanda ukuxoxa imiba eza kudala utshintsho eluntwini.

“Eyona nto ndinengxaki nayo kukuxambulisana xa kuxoxwa okanye kuxoxwe imiba engaphucukanga nalapho singamamelaniyo. Ndikholwa kukuthi cwaka ndimamele izimvo zomnye umntu,” kutsho uMadikizela.

Ingaba iMpuma Koloni ingabuya nayo le ntshinga yengxoxo?

Ungaphoswa yiOne Day Leader ngooLwesine phakathi kweyesithoba neyeshumi ebusuku kwiSABC1.