UMkhuseli Woluntu kweli uThuli Madonsela uthi oorhulumente behlabathi bayangqinelana ukuba ukuxhotyiswa nokuphuhliswa kwamanina kubaluleke kakhulu kuphuhliso lwehlabathi.
Uthi isicwangciso sophuhliso sorhulumente weli loMzantsi Afrika sithetha ngokucacileyo ngomcimbi wokuphuhliswa kwamanina, kwaye oku kuhambelana nombutho wezizwe ezimanyeneyo.
Kwisithuba senyanga ezimbini ezizayo lo kaMadontsela uzakushiya esikhundleni sakhe sokuba ngumkhuseli woluntu njengoko liphela ixesha lesivumelwano sakhe kwesi sikhundla.
Lo mkhuseli woluntu ngoyena uthe wazibalula kumsebenzi wakhe wokungabinalusini kwinkqubo ezinobuqhophololo ngakumagosa karhulumente kuquka nomongameli weli uJacob Zuma.
Le nyanga ithathwa njengeyokubhiyozela amanina emva komngcelele woqhankqalazo owabanjwa kumashumi amathandathu eminyaka eyadlulayo ngelibonakalisa inkcaso yokuphathwa kwamapasi ngabantsundu kweli.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?