UMadonsela utyelele ihostele yodushe

BAKHUPHELE intlungu yabo kuMkhuseli woLuntu * -Advocate Thuli Madonsela abahlali behostele iGlebelands eMlazi, bekhala ngoku “thengiswa” ngamapolisa abathi awancedisi ekwehliseni iziganeko zokubulawa kwabo.

UMadonsela ebetyelele kule hostele ngelizokujonga imeko emva kweengxelo ezithi sekubulawe abantu abangamashumi amahlanu anesithathu ukusukela kunyaka ophelileyo. Nangona eyicacisile eyokuba akazanga kuzokwenza msebenzi wamapolisa, abahlali bathathe eli thuba bezityanda amagila ngokungalawuleki kobundlobongela kule hostele. Abahlali baxelele uMadonsela ukuba balilahlile ithemba lokhuseleko kumapolisa.

Bakhalaze ngelithi ukubulawa kwabantu kuyaqhubeka, kwaye amapolisa ayaziswa kodwa akukho manyathelo abonakalayo. “Amapolisa siyawazisa mihla le ngempilo esiyiphila apha, amatyala siyawavula, kodwa akwenzeki nto. Ngelinye ixesha xa uyokuchaza ngokwenzekileyo, akubuza ukuba uhlelele ntoni ehostele ungabuyeli apho usuka khona,” utsho omnye wabahlali.

Omnye wabahlali utyhole amapolisa ngelithi angena ngetshova ezindlwini zabantu esophula neengcango. Le ndoda ibike ukuba ihlala nabantwana bayo ababini kwaye iziva ingakhuselekanga. Abahlali bakuthethe oku phambi kwamapolisa abephume ngendlu yawo ukuza kuhlola imeko.

Bakwakhalaze ngokucotha kwinkqubo karhulumente yezibonelelo ngezindlu zeRDP ngelithi ibenza baxinane.

UMadonsela uyalele abahlali ukuba baqhubekeke nokumangala kumapolisa kuba owakhe umsebenzi kukuqinisekisa ukuba amapolisa enza umsebenzi wawo ngendlela eyiyo.

Emva koko amalungu e-ofisi yoMkhuseli woLuntu ajonge ubume bezindlu, nalapho abahlali bakhale ngokuthi kuvuza amanzi. UMadonsela uthe imeko yezindlu kule hostele uzakuyidlulisela kumphathiswa wokuhlaliswa koluntu Kwa-Zulu Natal kwintlanganiso ebibanjwe izolo kwanomphathiswa wamanzi nokugutyulwa kwelindle kweli uNomvula Mokonyane.

Nangona ethe uyabona ukuba abahlali balilahlile ithemba, uMadonsela uthe uyaneliseka yingxelo ngophando lwamapolisa namchazele ukuba kukho abarhanelwa asele bebanjiwe. Uqhube wathi,

“Okwam kukujonga intlalo yoluntu kule hostele nokuba ingaba urhulumente wenza okufanelekileyo na. Imeko endiyibona apha ayibonakalisi ukuthi kuhlala abantu. Ndifumanise ukuba abanye abekho nakuluhlu olusemlindweni wezindlu zeRDP, yiyo nalo nto kunzima ukulawula ulwaphulo-mthetho.” Abanye abahlali balile ukuthetha ngoloyiko lokuba ngamaxhoba.

UVanessa Burger olitsha-ntliziyo elilwela amalungelo abantu uthe, ilihlazo into yokuba amapolisa ayohlulakala. Uthe udabi lwale hostele malingathathwa ngokufanayo nalo naliphi ulwaphulo-mthetho.